Inkundla kamantyi yaseGqeberha igqibe kwelokuba ilihlehlisele umhla we(23 February 2022) ityala likaEsethu Mamlambo(27) notyholwa ngokudlwengula abulale intombi yakhe eneminyaka emibini ubudala, ngomhla we(23 February 2022) ukuze afumane iinkonzo zegqwetha.
Ngethuba uMamlambo eqala ukubonakala kwiveki ephelileyo ngoMvulo, umtshutshisi uJustice Tsala wacela ukuba athunyelwe ukuze ahlolwe ingqondo, kuba wayendlongondlongo kwaye wenza izinto ezingaqhelekanga, kuquka nokuziqaba ngelindle ngelixa eseziseleni.
Izolo, uxelele inkundla ukuba igama lakhe ayingoEsethu Mamlambo, koko unguThabo Witbooi. Umtshutshisi uxelele inkundla ukuba iziko lezempilo lasekuhlaleni licele inkundla ukuba ibhale ileta kwisibhedlele saseMthatha Regional Hospital, ukuze ahlolwe ngokwasengqondweni apho.
Xa inkundla yazisa uMamlambo ngamalungelo akhe, waqala wathi ufuna ukuzithethelela, kuba “inkolo yakhe ayivumi ukuba umntu axoke egameni lakhe”. Kodwa kwathi kusatolikwa oko, watshintsha indlela awayethetha ngayo waxelela inkundla ukuba akanamali kodwa ufuna “igqwetha elilungileyo nelinyanisekileyo nelinobungqina bokusebenza kwakhe”.
Umantyi uFika Mgudlwa uwumisele umhla wokumelwa kwezomthetho ngaphandle kokujongana nomngeni wovavanyo lwengqondo. Kwanyanzeleka ukuba amapolisa arhuqe uMamlambo ambuyisele kwizisele kuba ebesala ukuphuma enkundleni. Unyanzelise ukuba afumaneke igqwetha ngoko nangoko ukuze ityala lakhe liqukunjelwe. UMamlambo wabanjwa ngamalungu asekuhlaleni wasiwa emapoliseni ngoLwesihlanu, umhla we-03 kuFebruwari 2022 emva kokuba edlwengule intombi yakhe kwingingqi yaseNtsimbini kwisithili sasePort St John’s.
Kutyholwa ukuba phambi kokuba adlwengule imveku yakhe, eyathi kamva yabhubhela esibhedlele, uMamlambo wayenobundlobongela kumalungu osapho lwakhe wada wazama nokudlwengula unina.

