12.2 C
King William's Town
Wednesday, July 17, 2024

IANC ayiyindawo kwaye isezakuphatha: Fikile Mbalula

IANC AYIYINDAWO KWAYE ISEZAKUPHATHA

Lawo ngamazwi kaNobhala Jikelele weqela lezopolitiko iAfrican National Congress(ANC) ewathulula kwiinginginya zobantu, nabangabaxhasi beliqela apho bekubanjwe umbiyozo weminyaka engaphaya kwekhulu(111) eliqela lasekwayo kwibala lemidlalo iEnoch Mgijima kuKomani namhlanje.

Bebephume ngendlu abalandeli beliqela, beyokuxhasa iinkokheli zabo bedela iqaqobana labahlali, nabebelugcwabevu ngumsindo bephuma izithuba, befuna uMbalula aphume aphele kuKomani. Kaloku ngosuku lwayizolo uNobhala weANC uMbalula ebekwi(Gala Dinner) nenibanjelwe kwikhaya lemibhejo kuledolophu, ngethuba kumbonzeleka abahlali, nabakhalaza ngokuqhwalela kweenkonzo zikaRhulumente kuquka nokukruquka kwabo ngucimi-cimi wombane. Nangona bekunjalo kwaye lombodamo, ububonakala ngathi uzakuwaphazamisa amalungiselelo alomsitho, uye waqhuba.

USihlalo weliqela eMpuma Koloni uMabuyane uvule ebulela abo bathe baphumelela. Ukanti ngethuba ethetha nenginginya uthe, benguRhulumente wePhondo balindele ukwabelwa kwingxowa mali ezokuncedisa ukwakha iindlela ezingekho mgangathweni zeliPhondo.

“Kunyaka ophelileyo, imali iphele ingekafiki kuthi, koko kulonyaka sinethemba uba imali izakuza futhi kuqalwe ngathi siliPhondo leMpuma Koloni ukuze sikwazi ukwenza iindlela ezisemgangathweni” utshilo uMabuyane

Bakwathe beyiANC aboyiki ngokoyikiswa ngelithi, lona unyaka ka2023 ngunyaka wezenzo hayi iintshumayelo. Bathi bengumbutho abazikucenga mtu ongafuniyo ukusebenza koko makathi guu bucala xa engafuni.

Uqhube ngelithi, amalungu alombutho mawayeke ukuzenza izithethi zeliqela, ingakumbi xa ilungu lingathunywanga ngumbutho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
81 %
1.5kmh
75 %
Wed
13 °
Thu
24 °
Fri
20 °
Sat
16 °
Sun
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks