15.6 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

ABANTWANA BASE KENTON-ON-SEA BAYAGULA EMVA KOKUTYA OKUPHEKWA ESIKOLWENI

Ndithe kanye xa ndiqala ukuvula cellphone yam ndisohlika kwi aeroplane✈️esuka e Kapa kwi Nkomfa yamadoda ndafumana umnxeba osuka ebazalini bekhala esimantshiyane.

Abantwana abancinci abasafunda apha koo Grade 2 ukonyuka baye bajwaqeka begula emva kokutya umvubo (umphokoqo onamasi) esikolweni ngalentsasa yanamhlanje.

Bangapha kwe 80 asebengeniswe kwisibhedlele sase Port Alfred befunyenwe kukuguliswa kokukutya.

Kodwa noko kunjalo nto zakuthi ndicela abazali noluntu ngokubanzi silinde ukuva eyona ngxelo logama sithandazela ukuphila kweentsana zethu.

Ndiyayiqonda imisindo enokubangelwa yilemeko kodwa let us remain calm while Department of Education is investigating the matter.

Ndithethile nesebe lemfundo e Mpuma Koloni batsho ukuthi ewe ifikile ezindlebeni zabo kwaye benza konke okusemandleni ukuncedisa ekusindiseni ubomi babantwana.

Ndiyanicela ke bazali, ewe umcimbi ufikile kum njengoko abanye bendifonele kodwa masinike idolo ukutya kwalo okungumthandazo, ukanti ke umntu onenye inkolo nokuba yinkolo yakwantu okanye yolunye uhlobo makabize kumanyange basinde abantwana.

Mhlawumbi ikhona enye indlela yokuhlola ukutya esikunika abantwana kodwa andiyazi kuba ndiqinisekile ootishala bayiqwalasela kakhulu i Best Before or Expiry date ekutyeni, I WONDER🤷🏽‍♀️ KWENZEKE NTONI.

Owenu kukhuseleko lwabantwana.

PETROS MAJOLA from Khula Community Dev Project EC.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
72 %
4.9kmh
88 %
Fri
40 °
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
23 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks