Kwiphulo lokulwa ubugebengu ngelixesha leholide abomthetho babambe abarhanelwa ababini benemipu nembumbulu ezingekho-mthethweni

By Nyameka Lamani

Iqela elisebenzayo kwisithili sase-OR Tambo kunye neqela elijongene nokuthintentela ukubiwa kwemfuyo aqhubeka neenzame zokulwa ukwanda kwemipu engagunyaziswanga kwesisithili nanjengoko befumene imipu emibini engenampepha-mvume ye-9 mm. Babambe amadoda amabini aneminyaka engamashumi amane anesixhenxe(47) kunye namashumi amathandathu anesithathu(63) ubudala kwizehlo ezahlukeneyo eMthatha.

NgeCawa, yosuku lwethoba(09) kweyeNkanga,ngentsimbi yeshumi elinesibini emva kwemini (22: 20), indoda eneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63)ubudala yaseGaduka kwindawo yase-Upper Ncise yabanjwa liqela lase OR Tambo elithintela ukubiwa kwemfuyo. Ufunyenwe nompu engagunyaziswanga oyi-9 mm ocinywe inombolo yawo kunye neembumbulu ezisixhenxe.

Kwisehlo esahlukeneyo, ngoMvulo umhla weshumi(10), malunga nentsimbi yeshumi ebusuku, iqela lesithili elisebenzayo lase OR Tambo liqhube iphulo elisekelwe kubuntlola, lakhokelela ekubanjweni kwendoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) yengingqi yaseSilverton (KwaStwayi) eMthatha. Lo mrhanelwa wayenompu oyi-9 mm onenombolo yeserial kwaye wayenembumbulu ezisixhenxe. Umnikazi wompu, waseThekwini, akazange awuchaze njengobiweyo.Omabini la madoda kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi eMthatha ejongene nezityholo zokuba nemipu nembumbulu ezingekho mthethweni.

UMajor General Norman Modisana, uMkomishinala wesithili saseOR Tambo, uwancome kakhulu amaqela ngeenzame zawo watsho ebakhuthaza ukuba baqhubeke nokusebenza nzima ukuqinisekisa ukhuseleko ngelixesha leeholide.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA