UMongameli uCyril Ramaphosa uthi uMzantsi Afrika awunakuqhubeka nenkqubo yezempilo eyahluliweyo apho iinkonzo zabucala nezikarhulumente zisebenza ngokwahlukeneyo.
Uthi inkqubo ye-National Health Insurance (NHI) iya kuhlanganisa omabini la macandelo ukuze akhonze bonke abemi ngokulinganayo.
UMthetho we-NHI watyikitywa waba ngumthetho ngoCanzibe ka 2024. Ukuqaliswa kwawo kuye kwamiswa ngelixa iinkundla zijongana nemingeni yezomthetho. Ukanti urhulumente uvumile ukuba angaqhubeki nenxalenye ebalulekileyo yomthetho de kube imiba yomgaqo-siseko, kuquka neenkxalabo malunga nokuba uluntu luthatha inxaxheba, isonjululwe. Kulindeleke ukuba zithathise kwakhona iingxoxo zenkundla ngenyanga kaCanzibe ka-2026.
Kusenjalo uRamaphosa uthi esi sicwangciso sisasebenza nangona kukho ukulibaziseka. Uthi umsebenzi sele uqhubeka wokuphucula izibhedlele zikarhulumente, ukuqeqesha abasebenzi bezempilo kunye nokwazisa iinkqubo ezingcono, iBusinessTech ibike.
Umongameli uthi le nkqubo ikhoyo ayilunganga. Esithi imali eninzi ichithwa kubantu abasebenzisa unyango lwabucala kunabo baxhomekeke kwiinkonzo zikarhulumente.
Uqhubele phambili uRamaphosa esithi i-NHI ijolise ekuqinisekiseni ukuba bonke abemi baseMzantsi Afrika banokufikelela kunyango olusemgangathweni ngaphandle koxinzelelo lwemali.
Nangona kunjalo, Abagxeki bakhathazekile malunga norhulumente othatha ulawulo olupheleleyo lwenkxaso-mali yezempilo. Baye baphakamisa iinkxalabo malunga norhwaphilizo, izicwangciso zemali ezingacacanga kunye noxinzelelo olunokubakho kubahlawuli berhafu.
Abanye boyika ukuba i-NHI ingenza buthathaka okanye ide iphele ishishini leenkonzo zonyango.
URamaphosa uthi ilizwe kufuneka liqhubeke notshintsho ukuze kwakhiwe inkqubo yezempilo elinganayo.

