Isakhiwo sikarhulumente waseMpuma Koloni eMthatha esinamasebe amaninzi sitshiswe sangqongqa ngumlilo ngobusuku bangoLweibini umhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoKwindla.
UMphathiswa wezeMisebenzi yoLuntu, iZiseko zoPhuhliso kunye nokuHlaliswa koLuntu, uSiphokazi Lusithi, uthe uqaphele ngenkxalabo enkulu umlilo owonakalise kakhulu isakhiwo sembali saseBotha Sigcawu.
Uthe iqela labacimi-mlilo kunye nabasebenzi bezongxamiseko abavela kuMasipala weSithili sase-OR Tambo, kunye neengcali ezivela kwiSebe leMisebenzi yoLuntu kunye neZiseko zoPhuhliso laseMpuma Koloni, baphendule kwesi siganeko.
“Esi sakhiwo sinamasebe karhulumente amaninzi, kwaye iSebe leMisebenzi yoLuntu kunye neZiseko zoPhuhliso liza kunxibelelana ngokukhawuleza namasebe achaphazelekayo ukuqinisekisa ukuqhubeka kweshishini kunye nokunciphisa naluphi na uphazamiseko lokunikezelwa kweenkonzo.
“Urhulumente unqwenela ukuqinisekisa uluntu lweSithili sase-OR Tambo ukuba kwenziwa yonke imizamo yokubeka amanyathelo angxamisekileyo ukuqinisekisa ukuba imisebenzi ebalulekileyo yokunikezelwa kweenkonzo iyaqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka.
“Iinkcukacha ezingaphezulu malunga namalungiselelo exeshana ziya kwaziswa ngokukhawuleza nje ukuba afumaneke,” utshilo uMphathiswa uLusithi.
Urhulumente waseMpuma Koloni uthe uza kuqhubeka nokubeka esweni imeko ngokusondeleyo kwaye uza kusebenzisana nabathathi-nxaxheba abafanelekileyo ukuvavanya ubungakanani bomonakalo kunye nokufumanisa amanyathelo afunekayo, kuquka nezicwangciso zokubuyiselwa kwale mpahla ibalulekileyo yoluntu.
Isizathu somlilo asikaziwa okwangoku.

