UMKOMISHINSI OBAMBELE UPHONDO UPHEZU KOPHANDO LOKUDUTYULWA KWABAZILI ABASIXHENXE EBITYI.
Ukomishinala obambele iphondo uMajor General Thandiswa Kupiso uvakalise umothuko kulandela isiganeko sokubulawa kwabantu abasixhenxe kwikhaya elithile eBityi. UKupiso uyalele igqiza lamapolisa angqonge lendawo ukuba achophele ukujonga esi sehlo simanyumnyezi.
Kutyholwa ngelithi ngolwesithathu umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeNkanga 2022 malunga nentsimbi ye-23:30, amadoda amathathu (3) angaziwayo ebexhobile angene kumzi okwiTantseka Location, eSithebe Administrative Area eBityi, adubula abulala abantu abasixhenxe (7). Kukwatyholwa ukuba abantu abathandathu (06) babhubhele kwindawo yexhwayelo, logama ixhoba lesixhenxe libhubhele esibhedlele. Iimeko ezijikeleze eso sehlo ziyinxalenye yophando.
Amaxhoba la aswelekileyo kukholelwa ukuba zizizalwane zosapho ezineminyaka ephakathi kwamashumi amabini anethoba (29) ukuya kumashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala, nabebezilile belungiselela ukungcwaba isizalwane sabo uNovotile Mgxada (62) owadutyulwa wabhubha kwiveki ephelileyo.
Kwavulwe amatyala asixhenxe okubulala,kwaye kusaqhutyekwe nophando. Oluphando luthathelwe kwicandelo leProvincial Organised Crime Unit. Amapolisa abongoza ukuba nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa atsalele umcuphi wetyala uColonel Mtshiyo ku-071 475 2292. Olu lwazi lungafumaneka naku-Crime Stop ku-08600 10111.
Ingxelo: Anita Qubula