Inkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika eMpuma Koloni, ehleli eGqeberha igwebe owayesakuba ligosa lezendlela ogama linguFanele Nxuseka(38), ubomi ethothoza ngaphakathi entolongweni ngokubulala isinqanda mathe sakhe.
Ukanti lenkundla iphinde yamgweba eminye iminyaka elishumi elinesibi(12) kwityala lokuxhwila(kidnapping). Ubungqina obuthiwe thaca enkundleni bobokuba uNxuseka, otshatileyo, wayethandana kakhulu nomfi, nongazange amxelele ukuba usebenzisa unyango lwe-antiretroviral (ARVs).
UNxuseka wazibhaqa eyedwa ukuba isinqandamathe sakhe sine-HIV, kwaye wakholelwa ukuba kusenokwenzeka ukuba umosulele yena nenkosikazi yakhe. Ngomhla we24 kuCanzibe ngo-2020, waya kwikhaya lentombi ekwingingqi yaseNgobozana, kwisithili saseLusikisiki, wafuna ukuba ahambe nayo. Le ntombazana yashiya iselfowuni yayo kudadewabo yaza yamxelela ukuba kusenokwenzeka ukuba ayisayi kubuya isaphila.
Ithe yakungabuyeli ekhaya intombi, usapho lwayo luyigqogqe laze lafumana isidumbu sayo sele sinamanxeba amaninzi okudutyulwa, kwilali eselumelwaneni yaseMmangweni.
UNxuseka wabanjwa ngosuku olulandelayo. Uvavanyo oluqhutywe kwiikhatriji ezifunyenwe kwindawo yexhwayelo lwayanyaniswa ngokuqinisekileyo nompu owawunikwe uNxuseka ngurhulumente. Emva koRhulumente ka-Adv.
UMkhuseli Ntaba walivala ityala lomtshutshisi, eliquka nobungqina bomhlobo kaNxuseka awayezityand’ igila kuye ukuba ufumanise ukuba intombi yakhe ikwi-ARVs, uNxuseka wakhetha ukungalingeni ingqina xa ezithethelela. Esamkela esi sigwebo, uMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo, uwuqhwabele izandla umsebenzi womtshutshisi kunye negosa eliphandayo ngokuqinisekisa ukuba ubundlobongela obuphathelele kwisini bohlwaywa ngaphandle koloyiko okanye umkhethe, nokuba umenzi wobubi uligosa lomthetho.