Scoops of Joy!!!! Ukhe wazivela???

Yincasa yolonwabo olwenziwe ngomkhenkce oneIce cream kunye noninzi lweziyunguma ezimnandi.

Lenkampani isakhulayo egama lingu Scoops of Joy iqalwe ligatyana lomfana welali yaseSheshegu eDutywa ogama linguYiva Futshane. Uyinela futshane wayengumfundi kwiDyunivesithi yaseFort Hare ngethuba kuvela iphupha lokuziqalela ishishini.

Ngonyaka ka2020 kanye lonyaka ilizwe loMzantsi Afrika belikuxinzelelo lweCovid 19, uYiva ebezama amathuba okuphila kwanokufezekisa amaphupha akhe okubaneshishini. Kulapho ke iScoop of Joy ithe yavela khona. IScoops of Joy inika abathengi ithuba lokuzonwabisa besitya ezibandayo ezenziwe nge(milkshakes) kunye nezimuncumuncu ezineelekese.

Ndiqale i-Scoops of Joy kwigumbi lam kwiflethi endiyiqeshileyo ukusuka ngo-2020 kwaye ngoku ndifudukele kwindawo yokuthengisa kwiminyaka nje eminini ndiqalile,utshilo uYiva.
Ukwathe kwisithiba nje seminyaka emibini ekhulisa elishishini ude wafumana nethuba loluvula ivenkile yesibini eDitywa kwilali yaseNgxakaxa apho intsusa yakhe ivela khona.

Sithetha nje ivenkile yakhe ese 78A Fitzpatrick Rd,Quigney iqhuba kakuhle kwaye sele izakhele igama. Nangona kunjalo elishishini aliqhubi lingenayo imiceli mngeni nanjengoko uYiva esichazele ngeengxaki zemali e,izinokumncedisa ukuphuhlisa elishishini ukuze akwazi ukuvula namathuba emisebenzi.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA