7.3 C
King William's Town
Wednesday, October 2, 2024

INTSOKOLO KUMNTANA ONTSUNDU KWISIKOLO NQAYIYA JSS E XHORA NGENXA YOMLAMBO XHORA – ELLIOTDALE EC:

Kunzima kakhulu apha kwababantwana kuba basuka kwilali Ezilangweni kwaye bawela lomlambo i Xhora mihla le xa besiya naxa bebuya esikolweni. Ungafunga uthi alikho isebe elijongene nemiba yasezindleleni xa unokubona okusizi.

Kuyaphawuleka ke ukuthi abantu balapha balityelwe, kungoko nibona ndikhwaza📢 ndikhumbuza abasemagunyeni bajonge olusizi. Ukhona umntana owatshonayo oneminyaka 10 ubudala wafunyanwa ebhubhile. Kodwa ke lomntana wayengayanga sikolweni ngosuju lokukhukhuliseka kwakhe ngulomlambo, kodwa ke ukufa kukufa!

Ukanti kusasanje inkwenkwana ena 15yrs ubudala isinde ngezikasibi ngexesha bebewela ngoqhiza besiya esikolweni kodwa wancedwa kukudada wabe uphoncukile emlonyeni wengonyama.

Ababantwana bayasithanda isikolo kuba bathi bawela lomlambo qho besiya naxa bebuya kuba abafuni kushiyeka ezifundweni.

Ndifika kokutyelelo lwam apha kusithwa ababantwana bakhe bahlala emakhaya intsuku eziliqela kuba bebelindele kwehle umlambo, kodwa kuye kwafownwa ngabahlali besithi isikolo masikhulule abantwana kuba uyazalisa umlambo. Sibakhaphile abantwana sayokufika enlanjeni nalapho sifike abazali belinde ngaphesheya kwelinye icala lomlambo.

YINGOZI LOMLAMBO kwaye uzakubulala intsana zabantu.

IPHONDO LE MPUMA KOLONI LISENGXAKINI YE BLORHO (bridges) kuba nase Tsomo kuyakhalwa amanzi asube imiphefumlo yabantwana ababini (2) ukanti e Cofimvaba umlambo Mthingwevu nayo is igcwele, abantwana abakwazi kuwela. Tyhini ndaphantsa ukulibala, nase Lady Frere kuyilonto kangangoba namhlanje yimibhikisho kulwelwa into ye Blorho ezonaleleyo nethe yasuba umphefumlo womfana owayehamba nge bhayisekile (bicycle).

Kutheni na laske ilizwe lasongeka msinyane kangaka🤷🏽‍♀️

Izinto ezenzekayo ngoku zishiya amehlo, ukanti mna ndicebisa kubekho isikhitshane sokuwelisa abantwana xa besiya esikolweni.

NDIYABULELA KOTISHALAKAZI ABAKHATHALELE ABANTWANA, ndikhankanya abambalwa uMs. Mquqo; Ms. Ndlovu; Ms. Sidumo kwakunye netyendyana umnumzana Qwesha okwangutishala, ukanti ke no Sihlalo we SGB umnumzana Gela, u Jalamba ka Tshezi. ENKOSI MAGORHA NAMAGORHAKAZI. Ukanti sibulela nenkathalo ka Principal wesikolo uMs. Tyumre obonakalisa inkathalo ngababantwana.

RHULUMENTE SICELA I BLORHO!

Ndixoleleni andikwazi kulala kamnandi xa kukho abantwana abasengxakini.

Enkosi
PETROS MAJOLA from Khula Community Dev Project EC.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.3 ° C
7.3 °
7.3 °
91 %
1.9kmh
5 %
Wed
17 °
Thu
25 °
Fri
32 °
Sat
36 °
Sun
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks