Uyaqhuba uRhulumente wePhondo nophuhliso loqoqosho eMpuma Koloni.

UMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uphehlelele ngokusesikweni izolo inkqubo yemveliso yemoto entsha neyenziwe apha eMzantsi Afrika ebizwa ngokuba yi-ISUZU D-MAX.

Ukuphehlelelwa kwesi sithuthi kubonisa ukufezekiswa kwesibophelelo sotyalo-mali esenziwa yi-Isuzu Motors Limited yaseJapan eyinxalenye yeminyaka emihlanu, i-R1,2 yetriliyoni yotyalo-mali lwasekhaya nolwamazwe ngamazwe olwamiselwa nguMongameli Ramaphosa ngonyaka ka2018. Ukanti lomsitho wophehlelelo ubuzinyaswe ziinkokeli saseburhulumenteni eziquka uMongameli Cyril Ramaphosa, uMphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano, uMnu Ebrahim Patel kwakunye neNkulu baPhathiswa yeMpuma Koloni uMnu. Oscar Mabuyane nabanye abaninzi. 

LeBakki intsha iveliswe kumabala emidlalo yebhola iNelso Mandela eGqeberha emva kokuba abaphathi baka-Isuzu bathembisa ngokutyala imali kweli kwinkomfa eyadlulayo.

Olu tyalo-mali kulindeleke ukuba lukukhusele imisebenzi ethe ngqo engaphezulu kwewaka(1000) kumzi-mveliso kwaye luqeshe abantu abangama-24 000, ngokubanzi abazakuxhamla kulomzi mveliso, nto leyo enegalelo elikhulu ekuphuculeni uluntu ingakumbi eGqeberha apho lomzi ukhoyo.

Lenkampani yakwa(Isuzu Motors) yoMzantsi Afrika yasekwa ngomhla woku(1 kweyoMqungu 2018) kwaye ilicandelo eliphantsi kwe-Isuzu Motors Limited. Ngo-2019, i-Isuzu Motors Limited yaseJapan ibhengeze utyalo-mali lwe-R1.2 yeebhiliyoni zeerandi kwinkqubo yayo yesizukulwana esilandelayo sezithuthi eMzantsi Afrika.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
81 %
1.2kmh
93 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
20 °

EZITHANDWAYO INDABA