12.2 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Kuvulwe ngokusesikweni isikolo saseCrossroads eNgqushwa, nesikumgangatho ophezulu.

Inkulumbuso yephondo iMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane noMphathiswa weSebe lezeMfundo  uFundile David Gade, uSodolophu woMasipala wesiThili IAmathole uCeba Nceba Ndikinda, uSodolophu woMasipala iNgqushwa Sanga Maneli, izolo bebevula ngokusesikweni isikolo samabanga aphantsi iNtyatyambo kwilali yase Crossroads kwaWadi 5.

INtyatyambo yasekwa ngonyaka ka 1986, lonto ithi esisikolo sinamashumi amathathu anesihlanu (35) sikhona. ISebe libone kufanelekile ukuba isikolo siphuculwe ukukhawulelana nabo bonke abantwana abakwilali ezikufutshane. Ukwakhiwa kwaso kuchithe izigidi ezinashumi anesibhozo (80 Million) kwaye sikwizinga eliphezulu elifanele abantwana. 

Ibe luvuyo nemincili kubazali nabantwana belali yase Crossroads ukuba nenyhweba yokwakhelwa isikolo sikanokutsho, esinawo namabala okudlala. INkulumbuso yePhondo, kwintetho yakhe uthe “Sakuthi rhoqo singurhulumente ukuphuhlisa, ukulwa intswelo, intlupheko nokungalingani. Imfundo sisibane, ilizwe lifuna ulutsha olofundileyo, koko ucele abazali bathundeze abantwana babuyele esikolweni, akanqweneli ukubona esi sikolo sihle kangaka sivalwa, ufuna ukubona amanani abantwana enyuka kunyaka ozayo.”

Ingxelo: Ngqushwa Municipality

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.2 ° C
12.2 °
12.2 °
74 %
6.4kmh
95 %
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks