Inkokheli yeqela lezopolitiko iUDM egama linguBantu Holomisa ibhale uxwebhu leleta eyakuMongameli weli uCyril Ramaposa, ngenjongo zophakamisa lenkokheli ukuba inike ingqwalasela kwiqela leOperation Dudula.
UOperation Dudula, liqela labemi boMzantsi Afrika, nelikhokelwa nguNtlantla Lux, ozibetha igila ngokulwela abemi beli,kubugwenxa bokuthengiswa kweziyobisi ngabemi bamazwe angaphandle. Lo Operation Dudula wenza isankxwe eMzantsi Afrika de wakhokelela ekubanjweni kwenkokheli yalo uLux nobetyholwa ngobusela kwanokonakaliswa kwe(Propery) yelizwe.
UHolomisa ubhekisa kuMongame ngelicebisa ukuba anikeze indlebe kweliqela, nanjengoko ukungalihoyi kunganeziphumo ezimbi kakhulu kubemi beli kunye nabo bamazwe angaphandle ukuba kuyekiwe.Uthi iUDM ingathanda ukucebisa ukuba kusekwe ikomiti yamaqela ngamaqela, eya kuthi idibane kwaye imamele izikhalazo zika-Operation Dudula namanye amaqumrhu ukuze kufunyanwe indlela eya phambili
Ukwathe izikhalazo zabantu baseMzantsi Afrika uRhulumente uyazazi kwaye kudala bakhalaza, benomsindo ngoRhulumente ongahoyiyo xa kujongenwe nemithetho ebekwayo ngakubemi bamazwe angaphandle. Ukuthunyelwa kwamapolisa kwiimeko ezinje akusiso isisombululo kwaphela, utshilo
Ukwathe” ngelixa umntu enokungavumelani ngemibutho efana ne-Operation Dudula’s methodology, iinkxalabo zabo zisemthethweni kwaye iimeko ezimaxongo zentlalo noqoqosho ezilokishini nasezilalini zaseMzantsi Afrika ziqhubela abantu ukuba benze izinto ngendlela egqithisileyo” Iimfuno zabantu beli ezingundoqo, intswela-ngqesho iya iqatsela, kwaye abanye baphila nje ngemvuthuluka yenkxaso-mali kwaye abantu baseMzantsi Afrika baziva belahliwe ngurhulumente.
Ukuthontelana kwabemi bamazwe angaphandle kweli ngokungekho mthethweni kubeka uxinzelelo olongezelelweyo kwinkqubo yeli neqhwalelisa iSebe lezeMpilo esele igula kakade kwaye umhlawuli werhafu aseMzantsi Afrika. Nangona kunjalo uMzantsi Afrika kunyanzeleka ukuba uncede wonke ubani odinga uncedo nokuba ungummi wangaphandle.
Loka Holomisa ubhale esithi”Imida yethu exananazileyo ithetha ukuba ootsotsi bangena kweli lizwe lula, kwaye sijongene nesibetho sokuphangwa kwekheshi-in-transit, ukuhanjiswa kweziyobisi okungathintelekiyo, ukukhuthuza okunobundlobongela, izinto zomgunyathi, ukuthengisa ngomzimba okuxhaphakileyo kunye nokuthengiswa kwabantu.



