21.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Kuya kusenyukela zizithwakumbe zokubhubha komtu eMzantsi Afrika!

Kuya kusenyukela zizithwakumbe zokubhubha komtu eMzantsi Afrika!!!

Inkokheli, nomphathi wombutho ongenanto yakwenza noRhulumente uPetros Majola weKhula Development Projects uzakutyelela kwilali yaseThafeni eDutywa kungekudala.

Oku kusemva kokuba indoda eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25) ubudala ixhaxhe yabulala abantwana ababini(2) Esisibini yintombazana(7)kunye nenkwenkwe(9) lo uyintombazana ingowakhe logama umfananyana ingumtshana wakhe.

Ngokwengxelo esiyifumeneyo kuPetros Majola ngembalelwano, ichaza ukuba lendoda inesigulo sokuxhuzula, sigulo eso esithi sakumfikela simenze ndlongo-ndlongo.

Ngolwesine umhla we (17 November 2022) lendoda iye yaveza iimpawu zobundlobongela, ntoleyo eye yakhokelela ukuba unina wayo ayishiye esiya kwizizalwane ukuze asinde kukonzakaliswa ngunyana wakhe. Uye ke wamshiya nabantwana, aba babini.

Kuvakala ukuba ngengomso uMzali uye wacela abakufutshane ukuba bayokroba ekhayeni ukuba akukho ndonakele kusini na!. Ngelishwa obuye nengxelo uchaze ngomothuko ukuba abantwana babhubhile kwaye babulewe yilendoda. Kuvakala ukuba kufikelwe kwichibi legazi kwaye omnye kubo engqunyulwe nesandla🖐🏽 eso siye safunyanwa phezu kwebhedi kude nomzimba.

Sithetha nje lendoda izinikezelw emapoliseni ngelithi “ibabulele ngokwayo abantwana” Xa ebuzwa ngesisenzo uthi ukhuphele umsindo wakhe kubo ngenxa yendlela uluntu elijonga ngayo lisithi uyanqwakuza.

UPetros Majola ukhupha isimemo kumajelo osasazo kuquka nabo basemagunyeni ukuba kuyiwe kwelikhaya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
48 %
5.9kmh
30 %
Wed
21 °
Thu
22 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks