Lizakuqalwa ukuxoxwa ngomhla wamashumi amabini anesithathu ukuya kumhla wamashumi amabini anesixhenxe ityala lokubulawa kukaNokwanda Maguga Patocka kwinkundla ephakamileyo yaseRhini kulenyanga.
Oku kuza emva kokutyholwa kukaLunga Lennox Nkqayi ngokubulala elibhinqa ngokungenalusini emva kokulwa phambi komntwana wakhe. Ingxelo zithi loka Maguga obehlala kwidolophu yaseMonti wayesandokubuyela kwilokishi yaseGinsberg kwidolophu yaseQonce ukuzohlala nosapho lwakhe ,emveni kwexeshana ehlukene nomyeni wakhe uMnu Patocka waye wadibana nomtyholwa bancumisana.
Ukanti zaye zabhidana iikomityi ngomhla wesine kwinyanga ka October 2021 kwaxambuliswana umfi wazama ukuphuma ngefestile esoyikisela ubomi bakhe nabantwana baphuma ngefestile beyokubikela oomakhelwane ngalengxubakaxaka, kukholeleka ukuba umrhanelwa waye wamnyathela amatyeli amaninzi emtshayisa ngemoto umfi ze wamonzakalisa wabhubhela apho kwindawo yexhwayelo.
Umrhanelwa waye wazama isicelo sebail kodwa zange siphumemele wahlala eluvalelweni ze kube kanti uqala ukuxoxa. Udade walo ungasekhoyo uthi wayekhe wasola ukuba uNokwanda uyahlukunyezwa ngumrhanelwa kodwa xa ethetha naye athi yinto engenamsebenzi. Usapho lunqwenela ukuba umthetho ungadlala indima yawo ngakumrhanelwa afunyanwe enetyala avalelwe undophela.