Imfundo siSitshixo sempumelelo kwikamva eliqaqambileyo.


Dsrac Eastern Cape (Ithala leencwadi kummandla waseMbhashe) libambisene noMasipala waseMbhashe sele liqalisile ukubhiyozela Iveki yethala leencwadi yesizwe (National Library week). Umsitho ububanjwe ngomhla we-16 kuTshazimpuzi 2022, eLower Mbhangcolo kuGatyana.

Injongo yalomsitho ibikukufundisa abantwana indlela yokufunda kwanokubakhuthaza ukuba bawandwendwele amathala encwadi kwindawo abahla kuzo kananjalo nokukhuthaza abantu abadala ngokufunda.

UMama uMatshezi uye walizwa ngesipho nje ngoyena mzali ulindwendwelayo Ithala lencwadi. Lomsitho ubunokhuphiswano lwabantwana bezikolo zamabanga aphakamileyo eziquka i- Willowvale S.S.S, Nqabarha S.S.S, Nomaka-Mbeki Technical School, Ngwenze S.S.S kunye neMida High school. Olu khuphiswano belusenziwa ngelwimi lesiXhosa neSingesi luquka ufundo lwencwadi, upelo lwamagama kunye nohlalutyo lwencwadi.

Baxhwitha- xhwithene ke abafundi apho kwade kwaphumelela wamnye kumsebenzi ngamnye ubusenziwa. Kubafundi abaphumelele indawo yokuqala baza kuqhubeka nokhuphiswano besingise ePedi kwiveki elandelayo.Sithi huntshu!!

Ingxelo:Mbashe Municipality

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA