15.2 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Baxakwe kukukuya esikolweni abantwana ngenxa yokufunyanwa yimoya emdaka.

Kwiveki ephelileyo isikolo samabanga aphezulu iSipho Camagu eAdelaide, sothuswe sisithwakumbe sabafundi abavele bawa, abanye bebhuda bethetha izinto ezingaziwayo, logama abanye bejuqeka sisifuthu-futhu namazantsi esinqa engasebenziyo.

Ngethuba onondaba belijelo betyelele esisikolo kwiveki ephelileyo, bafike isikolo sikhal’i bhingane, kungekho nomye umtwana nanjengoko bekuvakala ukuba bathathwe ngabazali babo kuba besithi boyika i(Satanism) egqubayo esikolweni. 

Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, esisikolo neNqununu yaso, sagqiba kwelokuba sibize intlanganiso yabazali ukuze kuxoxwe ngesisimamga senzeka ebantwaneni koko kufakwe nomthandazo ukugxotha lemimoya ihlupha abafundi.Kumvulo weveki ephelileyo umzali ongafunanga ukuchaza igama lakhe, nowaziwayo lelikhasi, uthi uvuswe ngumxeba usithi makakhawuleze afike esikolweni kuba abantwana baxakile. Ekufikeni kwakhe wothuswe kukubona abanye kubo behamba ngaze kuba besithi bayatsha, abanye bephelelwa ngamandla bethetha izinto ezingaqndakaliyo. Ukwathe njengomzali uye wakhawuleza wazama ukuncedisa ukuba abantwana mabagoduswe abakwaziyo logama abanye abazali baye basa abantwana babo kutata othile osekuhlaleni noye wakwazi ukubanceda abo baziswe kuye. 

Nangona bekunjalo esikolweni, kwintsuku ezimbalwa kuye kwenziwa umthandazo ngoonyawontle(abefundisi) kunye nabazali kodwa oko akukhange kuncede. Kwiveki ephelileyo abantwana abangaphaya kweshumi babalekiselwe kwisibhedlele saseAdelaide yinqununu nabazali kuba lemimoya iquqa ibuyelela.

Kwincoko ebesinayo nabafundi besisikolo bathi bayoyika ukuya esikolweni kuba abayazi into eyenzekayo koko kungcono bahlale ekhayeni de isikolo sabo sibiyele esiqhelweni. Ukanti nabamelwane abakufutshane bathi abafuni kwa ukuhamba kufutshane namasango esisikolo kuba hleze bachaphazeleke yilemimoya ingaziwayo.

Isebe lezeMfundo eMpuma Koloni liyayazi lemeko, nanjengoko impukane zethu eziluhlaza zisichazele kwaye amanyathelo kulindeleke ukuba athethwe kwangethuba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
84 %
6.4kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
18 °
Sat
17 °
Sun
19 °
Mon
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks