UMphathiswa weMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo(Public Works & Infratsructure) uBabalo Madikizela ebebambe iNkomfa yosomashishini, abatyali zimali abaxhasi kwezezimali ,abaphathi bezindlu nabebehlangene phantsi kophahla olunye izolo eMonti e(International Convention Centre).
Injongo yethu ngeNkomfa ibikukuxoxa ngeendlela ezintsha zokuguqula icandelo lezakhiwo nokuqinisekisa ukuntsebenziswano kuRhulumente nabatyali zimali kuphuhliso lwezakhiwo zeliPhondo nezinye kuzo esele zimoshakele, ngelixa kukho namathuba engeniso ngeepropati eziphantsi kweliSebe, eziza kusetyenziswa kwizinto eziphambili.
Lengqungquthela ingaka ibigcwele ziingcungcu, ooSodolophu boMaspala bePhondo leMpuma koloni kunye noSomashishini, nabanye kubo abasuka kumanye amaphondo. Lengqungquthela yahlelwa ukuba yenzeke ngonyaka ka2019 kodwa ngenxa yesibetho sentsholongwane yeCorona kwanyanzeleka ukuba imiswe, kuba izokwenziwa ngoku.
UMphathiswa uMadikizela uthi lenkomfa yenziwa ngezizathu ezizakuncedisa kuqoqosho lePhondo leMpuma Koloni kwaye idale namathuba emisebenzi kuninzi. Ukwathe basebenza ngesantya esiphezulu kakhulu ukuleqa iimeko ezidodobalisa uqoqosho lweliphondo ingakumbi kumcimbi wokulungiswa kwezakhiwo eziphantsi kweSebe lakhe. Ukwathe ifikile ixesha lokuba sibe nendlela elungeleleneyo ukuze sibe neziphumo ezinentsingiselo kuphuhliso lwezakhiwo notyalo-mali,utshilo uMadikizela.Ukanti esona sizathu esikhokelele kulengqungquthela ebiza osimashishini babucala ukuba mabathathe ezizakhuwo bazisebenzise okanye imihlaba ekhoyo bakhe ukuze kudaleke amathuba emisebenzi kwaye nePhondo eli liphucuke nangokwembonakalo noqoqoqsho.
Zizakhiwo ezingaphaya kwekhulu elinamashimi alithoba anesixhenxe(197) asele zibekwe bucala liSebe likaMphathiswa noRhulumente weMpuma Koloni ukuba siqalise ukunikezwa kubatyali zimali. Ezizakhiwo kukho kuzo imihlaba ebingasetyenziswa, izakhiwo zakudala ezinye kuzo esele zizindonga apho uRhulumente esele ekulungele ukuba ababatyali zimali mabazithathe bazilungise ukuze ngomso zobelulutho kubemi bePhondo leMpuma Koloni.
sele lichithe phantse 500 million libhatala iindleko zezizakhiwo ezinye kuzo ezingasebenziyo kwaye lonto ifikelele esiphelweni. Ithi lonto ke ezizakhiwo azizukunikwa abashomashishini ukuba ibezezabo koko kukuba baziqeshe kurhulumente ixesha elide. Abasomashishini banethuba lokwakha izindlu zemveliso( factories), iibhanka kwakunyee neendawo zokuthenga zikawonke-wonke(shopping malls)
Iinkampani ezifana namaziko afana neFirst National Bank (FNB), Public Investment Corporation (PIC), iStandard Bank, i-Absa kunye noNedbank, abaphuhlisi bezakhiwo abasekayo abafana neBillion group kunye neDelta. Abasanda kungena kwindawo yophuhliso lwePropati ingakumbi abo basuka kwiPhondo leMpuma Koloni babhalisele ukuzimasa ngamanani.
Inkulumbuso uOscar Mabuyane, uMphathiswa uBabalo Madikizela, umphathiswa wezeziMali uMlungisi Mvoko, uIpeleng Mkhari, ingqonyela yakwaMotseng Investment Holdings, uVuyani Hako wePIC, uSiya Mbanjwa, oyiCEO yeDelta Property Fund zezinye zezithethi ebezisitsho ngolusuku.