IiProteas zingenile kumagqibela kankqoyi kwiqakamba.

Kuzakuqhawuka ujingi abantwana bedlala kwiNdebe yeHlabathi ngoMgqibelo.

Iqela leQakamba loMzantsi Afrika iProteas zingene kumagqibela kankqoyi weNdebe yeHlabathi kwiqakamba okokuqala ezimbalini oku kwenzeka emva komdlalo wayo neqela iAfganistan ngethuba bedlala kumandulela kamagqibela kankqoyi ngentseni yayizolo ngokwexesha loMzantsi Afrika.

Iqela laseAfghanistan liqhokre kuqala nalapho lenze imitsi engamashumi amahlanu anesithandathu (56) bephuma bonke kwi-Overs ezilishumi elinanye nesiqingatha (11.5) laphendule iqela loMzantsi lisenza amashumi amathandathu bephulukana nothinti omnye (60/1) kaQuinton de Kock nophume namanqaku amihlanu (5) kuphela.

UAiden Makram oyinkokheli yeliqela nophume exwaye iphini lakhe uqhokre amashumi amabini anesithathu (23) emitsi ejongene neebhola ezingamashumi amabini nanye (21). UQuinton de Kock yena uqhoke isihlanu (5) samanqaku kwiibhola ezisibhozo (8).

UReeza Hendricks weeProteas uqhokre amanqaku angamashumi amabini anethoba (29) ejongene neebhola ezingamashumi amabini anesihlanu (25).

Iqela leqakamba loMzantsi libethe iqela leqakamba leseAfghanistan ngoothinti abalithoba (9) kwabe kushiyeke iibhola ezingamashumi amathandathu anesixhenxe (67) zonke phambi kokuba kuphele ii-Overs. UMzantsi uphumelele unee-Overs ezisibhozo ezinesiqingatha (8.5). Kungoku nje iqela likaAiden Nakram lizakuqubisana ne-India nethe yabetha iNgilane kumdlalo wokugqibela wamandulela kamagqibelakankqoyi.

Lomdlalo udlalwa ngomso umhla wamashumi amabini anethoba (29) ngoMgqibelo. Kudlalelwa kumabala iKingston Oval eBarbados ngecala emva kwentsimbi yesine emva kwemini ngokwexesha loMzantsi Afrika.

I-Indiya ibethe iNgilane ngemitsi engamashumi amathandathu anesibhozo(68) emva kokuba amandiya eqhokre kuqala lenza ikhulu elinamashumi asixhenxe nanye bephulukana noothinti abasixhenxe (171/7), aphendula amangesi ngekhulu elinesithathu (103) lemitsi ephuma onke.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA