Ingozi emasikizi nesube imiphefumlo emithathu(3)

Ngabantu abathathu(3) abaphulukene nobomi babo kwingozi yezithuthi neyehle kuhola wendlela uN2 eHumansdop xa usingise eJeffreysbay. Oku kusemva kokuba iimoto ezimbini zithe zangquzulana ngeentloko, iyibhasi yakwaTranslux kunye nemoto encinci yakwaBMW.

Esisehlo senzeke izolo umhla we(29.04.2022) ngoLwesihlanu malunga nentsimbi ye-12H00 kwindlela uN2 eHumansdop kumgama ongangekhilomitha ezilishumi elinesihlanu(15) ukuya ePlettenberg bay.

Isithuthi sohlobo lweBMW besinabemi abathathu(3) omnye kubi ingobhinqileyo kunye namadoda amabini aquka umqhubi besuka kwicala laseHumansdop, ngelixa ibhasi ibinenani elingaqinisekiswanga, ingabantu abasuka eJeffreysbay(Gqeberha).

Zombini ezi zithuthi zingqubane ngentloko ze ngelishwa aba beBMW babhubhela kwindawo yexhwayelo kuquka nomqhubi ngelixa ebhasini bonke abahlali besindile bengenawo umonzakalo.

Isityholo sokuqhuba ngokungakhathali kube negalelo elikhulu kule ngozi njengoko kukhankanyiwe ngamangqina.

Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe kwaHumansdop Saps ukuze kuqhutyekwe nophando.

imifanekiso: Port elizabeth traffic

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA