Hamba!! Hamba Monganeli, lawo ibingamazwi entsholo nebisitsho ngethuba uMongameli ebezama ukuthetha-thethana nabasebenzi beCosatu emabaleni aseRustenburg namhlanje.
Iphele ingavumisanga ingqungquthela yabasebenzi beCosathu eRustenburg namhlanje. Oku kusemva kokuba abasebenzi beCosatu behawule uMongameli weli uCyril Ramaposa, beme ngelithi makahambe nangona ebezama uthethathena nabo.
Lengqungquthela iphele sele uMongameli echwechwiswa ukuphuma kwibala lebhola iRoyal Bafokeng apho lengqungquthela ibibanjwe khona kuba abasebenzi bebengafuni ukumamela.
Ngabasebenzi benkampani yaseSimunye, nabathi kudala beqhankqalaza isithuba seenyanga ezintathu befuna ukonyuselwa umvuzo wabo ngabo basemagunyeni.
UMongameli weli loMzantsi Afrika uCyril Ramaposa phambi kokuba agxothwe leliqela, ebethetha nabasebenzi ababedibene kwibala lemidlalo yaseRustenburg eNorth West namhlanje, ukubhiyozela usuku olwaziwa njengosuku lwabasebenzi(Workers Day) kwaye uMongameli uthathe inxaxheba yoba athethe nabasebenzi abebengonelisekanga kwaye bekhalaza kuMongameli ngemivuzo yabo emincinci. Bathi bafuna ukonyuselwa imali ngomyinge weR1000 nongona nje umqeshi wabo ebathembisa ukubabhatala iR700 kuphela. Ababasebenzi bathi abayifuni iR700 kwaye abajiki ukufuna iR1000 yonyuso mali yabo.
UMongameli ke uhambe ebathembisile abasebenzi ukuba uzakuzihoya izikhalazo zabo kwaye athethe nabaqashi ukuzama ukufumana isisombululo.