Amapolisa aseNgcobo kwiphondo leMpuma Koloni abambe amadoda amabini atyholwa ngokubulawa kwabasetyhini ababini eGqeberha. Iingxelo zidiza ukuba esi sibini sabasetyhini esiphakathi kweminyaka engamashumi amane namashumi amathathu anesithandathu sigqityelwe ubonwa ngethuba besisothula umntwana esikolweni sihamba ngemoto yohlobo lweVW Polo ngentseni yangolwesithathu.
Kuvakala uba ngentsimbi yeshumi ngentseni yangolwesine umhla we27 April 2023 mntu thile obezihambela kwindlela yogobityholo ephakathi kwaNyamazane neDubai ubone imizimba emibini idunduluzile phantsi seyibanda nkca ze kwabizwa abezemthetho ukuzozibonela nabo kulapho kuye kwaqala khona uphando.
Ukanti esi sibini sifunyenwe sinamanxeba okudutylwa, amagama abo asankonyiwe ukuza kuthi ga ngoku de kwaziswe izihlobo zabo. Isizekabani sokubulawa kwabo asikachazwa okwangoku nanjengoko abomthetho besaqhubeka nophando. Kuvakala uba abanqevu bathe babaleka ngesithuthi ebesihamba lamabhinqa mabini ze kwabanjwa indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu kwilali iCobosi nekuvakala uba ibihamba ngalemoto.
Omnye umrhanelwa ubanjwe kwakho eNgcobo kwilali iMhlopekazi phakathi kwentsimbi yesithandathu ngokuhlwa ze wabekwa izityholo zokubulala. Bobabini abatyholwa kulindekele uba bavele phambi kwenkundla yase New Brighton eGqeberha kwiveki ezayo.