Ngamadoda mane(4) abhubhe ngaseGwadana kwingozi yomhla wenkululeko

Ngamadoda amane(4) abhubhe ngokungenalusini kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uN2 kufutshane naseGWADANA ngaphandle nje xa uphuma eDutywa usingise kwidolophu yaseGcuwa.

Esisiganeko senzeke izolo, usuku lokubhiyozela enkululeko (27.04.2023) malunga nentsimbi yesithandathu(18H00) malanga ngethuba isithuthi sohlobo lweVW Tiguan enkulu(SUV) ebinamadoda amane ithe yagilana nesigadla.

Esisigadla besisuka kwicala laseGcuwa kwaye inomqhubi kuphela. Ngelishwa amaxhoba amane nabekhwele kwimoto, abhubhe ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo logama umqhubi wesigadla eye wabalekiselwa esibhedlele ukuze afumane unyango.

Kutyholwa ngelithi ukuqhuba uphantsi kweempembelelo zotywala yeyona nto ibenegalelo kulengozi.

Ityala lokubulala ngokungenjongo livuliwe kumapolisa aseDutywa. Usithethi kwiSebe lezothutho uUnathi Binqose, ulumkise abaqhubi ezindleleni ngelithi mabaqhube ngononophelo kwaye baqaphele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.4 ° C
19.4 °
19.4 °
87 %
3.6kmh
27 %
Fri
20 °
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °

EZITHANDWAYO INDABA