Bangaphaya kwamawaka amathathu (3 000) abantu baseNelson Mandela Bay naseBuffalo City abachatshazelwe yimvula enkulu.

Kubhubhe abantu abalishumi (10) kuquka intwazana eneminyaka esibhozo (8) ubudala eKariega eNelson Mandela Bay, ngelixa abathathu (3) bebhubhele kumasipala ombaxa iBuffalo City kulandela izikhukula.

Urhulumente usasaze amagosa asuka kwiZiko leSizwe loLawulo lweeNtlekele kwiindawo ezichaphazelekayo. Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ubhengezwe njengendawo yentlekele, umonakalo uqikelelwa kwibhiliyoni yeerandi.

Iinzame zokubuyisela kwimeko yesiqhelo ziyaqhubeka njengoko iindawo ezohlukeneyo ziye zachaphazeleka kanobom ngomonakalo wokuhlaliswa kwabantu, umbane, iindlela neziseko ezingundoqo.

Ibambela loMlawuli wezoKhuseleko noKhuseleko kumasipala, uShadrack Sibiya uthe iZiko leMisebenzi eDityanisiweyo lisasebenza.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA