19.1 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

Kudutyulwe kwasweleka indoda kuhola wendlela uM4 eGqeberha*

Amapolisa aseGqeberha asabhula, esela ekhangela abarhanelwa abarhaneleka kudutyulwano olwenzeke kuhola wendlela uM4 eMotherwell, ngorhatya lwemivundla kuLwesine esiphuma kuye.

Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi abahlobo abathathu bebehamba ngesithuthi sabo kule ndlela ngethuba besiva izithonga zompu. Uthi, umqhubi uye waphulukana nokusilawula isithuthi eso, sisiya kubetheka kwiintsinjana ezisecaleni kwendlela.

Umqhubi kunye nomnye umkhweli baye bacela kwabanentsente. Kuthe xa bephinda bebuyela emotweni bafumana omnye umkhweli ebekwisihlalo sangasemva sele ebanda, enamanxeba aliqela okudutyulwa.

Umfi udizwe ngokuba nguMakilone Rapelang Emanuel eneminyaka engamashumi amathathu anesine ubudala.

Lo kaVan Resburg uthi isizekabani solu hlaselo asikaziwa ngamapolisa, kodwa ityala kokubulala nelokuzama ukubulala, aphantsi kophando.

Kuyacelwa nabani na onolwazi ngesi siganeko aqhakamshelane noLietenant Kolonel Cokisile Mfunda kwezi nombolo zilandelayo: 082 442 1305 – yaye kuyaqinisekiswa ukuba igama lalowo uze ngaphambili, liyakuhlala liyimfihlo

Ingxelo: Mncedi Mbombo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.1 ° C
19.1 °
19.1 °
85 %
2.1kmh
65 %
Fri
33 °
Sat
35 °
Sun
36 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks