21.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

YINTWAZANA EMINYAKA(12) EDLWENGULWE YABULAWA YINDODA(47) YASE XHORA EYALUSA IMFUYO EKUHLALENI

ILUNGU LENKCIYO ELINA 12YRS UBUDALA EBHAZIYA – MPUTHI E KSD MUNICIPALITY LIDLWENGULWE LABULAWA YINDODA YASE XHORA EYALUSA IMFUYO EKUHLALENI ENA 47YRS UBUDALA.

SOZE SITHULE, KUZAKUDE KULUNGE NOBA KUNINI NA – MAKAPHUMLE NGOXOLO U EMIHLE TUKANI WASE MPUTHI ONA 12YRS UBUDALA NOLILUNGU LENKCIYO PHAYA E BHAZIYA.

Kubuzwe buka nkosi Joyi (Aaahhh Minenkulu) nesimazi njengenye yeenkosi ezisebenza ngokuzinikela ekulweni ubundlobongela obujoliswe kwisini okanye ke Gender Based Violence, kulelwe Sunday 03rd April kusitsho izijwili emva kokufunyanwa komzimba ka Emihle Tukani uthe tywaa ungasashukumi, ENGANXIBANGA.

Lentwazana ine 12yrs ubudala ibifunda e Mputhi JSS nalapho ibisenza u Grade 5 khona.

Ingxelo esiyinikiweyo zinkokeli zeNkciyo (elaphulo lokuhlolwa kwamantombaza asakhulayo) umakhulu uye wacela lendoda emnombo wayo use Xhora ngelithi mayimboleke R10 ukuze adibanise kule anayo azokuvukela e town ngosuku olulandelayo, yaza indoda yavuma yabe seyisithi intombi mayize kuyithatha kanti ukrebe ukhamisile, ubona ithuba lokudlwengula abulale usana olungenatyala. Kukwavakala ukuba unawo amanye amatyala lomfo apho asuka khona.

Latshona ilanga umntana akabuyi ne R10 kulomfo oqeshwe for ukwalusa impahla kulelali, kwaqaliswa ukukhangelwa kwafikwa indoda imdlwengule yathi yakugqiba yamophula ilungu lentamo umntana.

Eyona iphinda ibebuhlungu apha kulo Emihle akukho kwandlu endilisekileyo, oko bexhinkxwa benyomfelwa nge temporary structures minyaka le ngu Rhulumentewe Phondo le Mpuma Koloni. Hayi noko kaloku makwenziwe icebo bethuna, ndibhekisa kwabanegunya lokugweba imicimbi yelilizwe.

Umfo wase Xhora inoba ke udlalwe lizulu kuba naye ubhubhile qha ke andazi ubhubhe yintoni kodwa kukho into ethi kwehle izithunywa okwanye izihlwele zika Emihle zamfika lahlanza iselwa nakuye, NYWEEEEEEE ubethwe zizithunywa zezulu, uyakuzicingela ke nawe.

Menze aphumle ngonaphakade Nkosi u Emihle Tukani, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.

Ezinye inkcukacha ningazifumana ku Nkosi Joyi kule number 0735114839 nakumama Langa ongu Nobhala KSD Inkciyo ku 083 246 0482

IFOTO LOMNTANA SILIXHOME NGEMVUME YEKHAYA LAKHE.

Issued by Khula Community Dev. Project EC.
09th April, 2022

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
48 %
5.9kmh
30 %
Wed
21 °
Thu
22 °
Fri
26 °
Sat
27 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks