Amapolisa aseGqeberha aphanda amatyala okuphanga kuxhotyiwe nelokuzama ukubulala kulandela isiganeko sokudubulana kwayunithi 9 eMotherwell ngentseni yangoMvulo.
Isithethi samapolisa, uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, uthi indoda eneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63) ehambisa inqwelo yokukhapha inqwelo ethwala ibandakanyeke kudutyulwano ngethuba kudutyulwa ngamadoda amathathu.
“Kutyholwa ukuba ngentsimbi ye-09:45, ilori yenyama ibikhatshwe yiveni yohlobo lweNissan, yaze yakufika kwivenkile yasekuhlaleni, ilori yangena kwindawo ekhuselekileyo.
Umqhubi wesithuthi esikhaphayo, oneminyaka engama-63, wayebeke esweni le ndawo ngethuba efikelwa ngabarhanelwa abathathu,” utshilo uJanse Van Rensburg.
Uthi kwabakho ukruthakruthwano phakathi komqhubi nabarhanelwa kwaza kwadutyulwa izihlandlo ezininzi.
“Umqhubi ufumene inxeba lokudutyulwa entloko. Umrhanelwa wabaleka nompu wakhe, iselula kunye nesipaji. Umqhubi uye wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango.”
UJanse Van Rensburg uthi amapolisa akwakrokrela ukuba umzimba wendoda engaziwayo ufunyenwe kwisitalato esikufutshane iNjakazi, unamanxeba okudutyulwa, kwaye inokuba ngomnye wabarhanelwa.
Kuvulwe uphando ukuze kuphandwe ngakumbi.