Abantu ababini baphulukene nobomi babo ngelixa omnye efumene umonzakalo omandundu, oku emva kokuba iimoto ezimbini zingqubane ngentloko kuhola wendlela uR72 ePort Alfred umgama oziikhilomitha ezilishumi elinesibhozo ukuya eMonti.
Esi sehlo senzeke ngomhla we 29 ku Tshazimpuzi 2023, kwicala emva kwentsimbi yesine kwindlela uR72 ePort Alfred umgama oziikhilomitha ezilishumi elinesibhozo esingisa eMonti.
Imoto yohlobo lwePolo Vivo ebikhwele nowasetyhini isuka ePort Alfred isingise eMonti ingquzule imoto yohlobo lweToyota Corolla ebikhwele abantu ababini (umqhubi oyindoda nowasetyhini) besiya ngasePort Alfred besuka eMonti.
Bobabini ababekhwele kwiToyota Corolla babhubhele kwindawo yexhwayelo.
Owasetyhini owayekhwele kwiVW Polo Vivo wonzakele kakhulu waze wasiwa kwisibhedlele sasePort Alfred ukuze aqhubeke nonyango.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eSeafield SAPS ukuze kuqhutyekwe nophando.




