KUTYALWE AMAPOLISA KWILALI YASEMAJOLA ESAJONISI.

Umphathiswa wamapolisa kuzwelonke uBheki Cele ubetyelele ilali yaseMajola ngosuku lwabasebenzi umhla 1 May 2023, olutyelelo lukamphathiswa luza emva kweminyaka kukho iyantlukwano edale impalalo gazi phakathi kwelali iBhuje, uQithi-Qithi naseMhlotsheni.

Umphathiswa wapolisa ebephelekwa ngamagosa asebuRhulumenteni ekuquka kuwo umphathiswa wesebe loRhulumento ngobambiswano kunye nemicimbi yemveli uXolile Nqatha, usodolophu womaspala iOR Tambo uMesuli Ngqondwana, usodolophu womaspala waseSajonisi uNomvuzo Mlombile Cingo, amagosa esipolisa kunye nabanye abathathi nxaxheba.

Njengendlela yokudala uxolo kulendawo umphathiswa uthi kuzawutyalwa amapolisa kwilali ezingqonge iMajola ukuze kudaleke ucwangco nanjengoko lengxuba kaxaka eqhubuyo sele iqabele ngaphaya kweminyaka emithandathu iqhuba. Leyantlukwano iphembelele ukungaboni ngasonye okukhokhelele ekubulaweni kwabantu de kwatshiswa nemizi engaphaya kwe140, ngabantu abangephezulu kwamashumi amabini anesibini abathe babulwa kulendawo kwiminyaka emithathu eyadlulayo.

Lengxuba-kaxaka eqhubekayo kulendawo idale amanxeba angenakuphola kumaxhoba athi aphulukana nezihlobo zawo, abantwana nabasetyhini babhacela ehlathini nekusekungamakhaya abo sithethanje ngenxa yokoyikisela ubomi babo.

Iqumrhu lesipolisa nebelikhokhelwa ngunjengele uFanie Masemola lithathe ugxathu lwahlala intlanganiso yentsuku mbini ukusuka ngecawe umhla 30April 2023 ukuze luthetha thethana nabahlali ukukhangela isisombululo kulentsinda badala yeminyaka kuquka nendlela amapolisa athi asebenze ngayo ukuncedisa amaxhoba,lentlanganiso ikwadibanise iinkosi zalendawo,abathathi nxaxheba kunye nesipolisa.

Emva kotyelelo lukamphathiswa abahlali baye baphakamisa izikhalo zabo ze umphathiswa uBheki Cele waphendula ngelithi izikhalo zabo zivakele kuba ufake isicelo kuMongameli ukuze kutyalwe amajoni womkhosi wokhuselo weli kwilali eziphantsi kweMajola ukuze zincedisane namapolisa alendawo ukudala uxolo. Umphathiswa uthi indawo yaseMajola ayondawo ezawuvele ilahlwe nje apho onqevu bazawukwenza unothanda, uqhube wathi ngoku bazawudibana nembila zithutha kuzawufakwa amalungu eTactical Response Teams (TRT) kunye neNational Intervention Unit (NIU) ingaphela leveki. Uqhube wathi kuzawutyalwa abaphandi ukuze bancedisane nesipolisa khonukuze abo abaphala phambili koludushe lwaseMajola baziswe ngaphambili baphenduliswe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21.3 ° C
21.3 °
21.3 °
54 %
2.3kmh
84 %
Thu
29 °
Fri
33 °
Sat
27 °
Sun
26 °
Mon
24 °

EZITHANDWAYO INDABA