Vuka uzenzele kwaye ungaxhomekeki mtwini ngoku ithuba lisekhona

Umbutho ongenanto yakwenza noRhulumente waseKapa, uBack 2 Basics enecandelo elisebenza eMpuma Koloni, ebebambe intlanganiso yokuxhasa, kuxhotyiswa amanina aseNgqushwa kunyaka ophelileyo.

Lombitho uzityanda igila ngokuxhobisa amanina nanjengoko bekwazama kwa ukufumana iindlela zokubakhuthaza bebafaka nasemisebenzini. UMphathi nomquqizeleli walombutho igama linguSiyasanga, uthe gqolo ikutyelela eNgqushwa qho ngonyaka ekunye nesigqeba sakhe kwiinzame zokuphucula amanina ukuze afumane iindlela zokuzimela.

Kwezintlanganiso zichotshelwa mgulombutho, basebenzisana nenkonzo yesipolisa, amaziko ezempilo ukuqinisekisa ukuba izixhobo abazifumanayo zokuzikhulisa ebomini zezo zizakubanceda ngomso. Bafundiswa ukuba bangaxhomekeki kwaye banikwe nezakhono apho banako ukuba bangaziqalela amashishini abo ukuze babgabingawo amaxhoba obundlobongela nokuxhatshazwa.

Umzekelo ophilayo, linina laseNgqushwa nelifunda ukwenza amakhandlela ukuze akwazi ukubeka ukutya etafileni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA