Nanjengoko iimviwo zikaJuni ziza kugqitywa kwisithuba seeveki ezimbini, iEastern Cape Liquor Board (ECLB) yothukile kukuva ukuba abanye abafundi sele beqalisile ukwenza izicwangciso zokuququzelela amatheko ‘ePens Down’. I-ECLB iyigxeka kabukhali le ndlela yokuziphatha ngamazwi aqatha kwaye ibongoza abafundi ukuba bawuyeke lo mkhwa.
La maqela athanda ukuphelela ebugxwayibeni nanjengoko kwenzekileyo kwintlekele yase-Enyobeni Tavern apho abantu abatsha abangama-21 babhubhela kwithaveni ngethuba kubhiyozelwa iPens’ Down ngoJuni 2022. Nanjengoko iimviwo ziqhuba kwiphondo jikelele; ngelishwa lixesha apho abafundi beqalisa ukwenza izicwangciso zamatheko ePens’ Down aphawulwa ikakhulu kukusela utywala ngokugqithisileyo.
Sibongoza abazali ukuba balumke kakhulu ngeli xesha kwaye bagcine umkhondo wendawo abantwana babo. Sikwathumela isilumkiso esiqatha kubo bonke abarhwebi botywala ukuba bangazibambi la matheko ePens’ Down kumaziko abo njengoko oku kukwaphulwa okugqithisileyo kweemeko zabo zokurhweba kunye nolwaphulo-mthetho. Siyabancoma abafundi kunye nabanye abahlali abathe gqolo ukuwaxela la matyala kwi-ECLB nakwi-SAPS.
Iinqununu zazo zonke izikolo maziwugxininise umyalezo othi “No to Anti Pens Down”. Sikwabongoza oonozakuzaku bethu nabanye abafundi abanoxanduva ukuba baphaphe ngaphakathi nangaphandle kwesikolo kwaye baxele kubaphathi bezikolo ngazo naziphi na izenzo ezirhanelekayo ezenziwa ngoogxa babo.
Oonozakuzaku bezikolo zeECLB kunye noluntu bangaxela abarhwebi botywala abaceba ukwenza itheko likaPens’ Down kunye nabo bahambisa utywala kubantu abangaphantsi kweminyaka yobudala kumnxeba wasimahla weECLB 0800 000 420 okanye bathumele umyalezo kaWhatsApp ku-076 4036 223.
I-ECLB iya kuthatha amanyathelo ayimfuneko kunye naqatha ngokuchasene naliphi na ivenkile ethengisa utywala engathobeliyo, phakathi kwezinye izinto, ukuthengisa utywala kubantu abangaphantsi kweminyaka yobudala kunye nokusingatha amatheko anezothe ePens’ Down.
Nceda uqhagamshelane noMgwebi Msiya ku-060 501 6418/ Mgwebi.msiya@eclb.co.za