15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Ingozi emasikizi eMakhanda nesube imiphefumlo esibhozo(8)

Babhubhile bonke abantu abasibhozo(8) ababandakanyeka kwingozi yemoto eyehle kuhola wendlela u-N2 ngaphandle nje kwaseMakhanda izolo, umhla we20 kuMeyi 2022.

Lengozi yenzeke kuhola wendlela uN2 ngaphandle nje kwaseMakhanda malunga nentsimbi yesihlanu(17:30) emalanga. Imo yezulu nebimbi inetha yimvula iyaxhalabisa ezindleleni neye ngamaxesha amaninzi ikhokelele kwiingozi ezimasikisi.

Sisithuthi sohlobo lweOpel Corsa Lite ebinabahlali abathandathu6 (amadoda ama-2 namabhinqa amabini 2 kwakunye nabantwana abancinci aba-2), ingqubene neToyota Quantum (isithuthi somsebenzi esithatha abantu) sinamadoda amabini.

Abasixhenxe(7) kubo babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa enye indoda ebikwisithuthi sohlobo lwe Quantum iye yasweleka ekufikeni kwayo kwisibhedlele saseSettlers. Ukanti kwakulengozi umtwana oneminyaka emithathi ubudala ubhubhile.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwaSeven Fountain SAPS ukuze kuqhutywe uphando.

Abaqhubi bayacelwa nguMphathiswa kwiSebe leZothutho ePhondweni ukuba baqhube ngononophelo kwaye beqhuba nangesantya esisemthethweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks