Namhlanje umhla we 22nd March 2022 uzakuqhubeka nesicelo seBail uMfundisi wakwaLizwi kwinkundla ka Mantyi kuKomani.
Sahlukene nelityala kwiveki ephelileyo Wednesday 16th March nalapho umphandi wetyala echazele lenkundla ukuthi akafunwa utata kwi address ayikhethe njengendawo anokuhlala kuyo xa lenkundla inokusivuma isicelo sokuthi aphume abesekhayeni logama exoxa.
Utata uye wanikwa ithuba lokuthi kuphinde kuyokujongwa enye indawo ayikhankanye njengekhaya lesizalwane sakhe e Hewu, sakuva ngomso ngomphandi uba uyamkelwa na kulendawo.
QAPHELA: Ukuqinisekisa indawo yokuhlala akuniki siqinisekiso sokuyinikwa i Bail, koko zinkqubo zenkundla ukuze unikwe utshutshiso olungenamkhethe.
NAKUKHUMBULA ukuthi umyeni walomama kutyholwa ngelithi wayenamadoda amathathu (3 men) kodwa lamadoda aye amxhoma umama, emva koko amshiya exhathise ngesitulo ezinyaweni.
Kuye kwadandalaziswa enkundleni ngelithi utata uye waqala wabhekisa rhabaxa kumama emxelela uba (yena mfazi) ufake amaphepha eDivorce waza emva koko wamkhupha nakwi Medical Aid, zizinto ezibhentsiswe ngumphandi xa ekhokela ubungqina enkundleni. Ubungqina obuthiwe thaca phambi kwenkundla buthi emva kwayo yonke lento utata uye waguqa ngedolo wathandaza ebhekisa ku Thixo waza ukugqiba nje kwakhe wakhaba isitulo ebelixhathise ngaso ixhoba elingunkosikazi wakhe.
Yaxhozuka intambo – zacima izibane – yangudulubhentsu umama etatsalaza, kodwa ethubeni umama wazibona sele ephantsi kanti isithunywa se Nkosi siyiqhawulile intambo (ukuze nazi ukuba ndingu Thixo) kodwa andimphikisi nomntu othi lomama usindiswe ngamawabo. ABANYE BEZIHLOBO ZAM ABAKHO KWINKOLO YOBU KRISTU KWAYE AKHONTO IRONGO KULONTO, SAHLUKENE BETHUNA NGENKOLO KWAYE NDIYAYIHLONIPHA LONTO.
Alikaqali ukuxoxwa ityala, kusamanyelwa isicelo se Bail okwangoku, ithi lonto usengaphakathi utata, abantu abangekafunyanwa ngaba bebemncedisa, kodwa nabo basabaleka apha eMzantsi Afrika.
Enkosi