24.1 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Sele bebabini(2) ababhubhileyo kwintlekele yezantyalantyala zemvula.

Babini abaqinisekisiweyo njengabantu ababhubhileyo kwintleke eyenziwe zizantyala-ntyala zemvula nebezisitsho kwiPhondo leMpuma Koloni namhlanje.

Usuku lwanamhlanje, belunemozulu embi kakhulu, kambe ivalela izithuthi ukuba zihambe kwaye lemvula imandla nekhatshwa ziindudumo ezinomoya obhudlayo, zithe zonakalisa imizi yabantu.

Sithanje abahlali baseMdantsane kwilokishi yaseDuncan Village, balahlekelwe yimiphefumlo yabantu ababini(2) ze uninzi lwabanye abonzakeleyo kulentlekele babalekiselwa esibhedlele ukuze bafumane unyango. Ukanti abanye abahlali balengingqi kunye neziphaluka, balahlekelwe ngamakhaya abo, iimpahla zokunxiba kwakunye nezinto ezibalulekileyo kubo.

Iqela lezoncedo elivela kwiGift of the Givers sele likhona phakathi kwabahlali baseMdantsane ngeliyokukuzama ukukhawulelana nalemo imaxongo ngoluhlobo. Ngethuba iGift of the Givers imamela izicelo zabo bonakalelweyo, bakhale ngeempahla zokunxiba; iingubo; ukutya kwakunye neendawo zokufihla iintloko zabo.

Lemvula yenze umonakalo omkulu kakhulu nanjengoko neelali zaseMpuma Koloni zithe zachaphazeleka. Iimoto zabantu zimke nezikhukhula zamanzi, amadonga emizi awile kwaye abantu bajonge enkalweni benethemba ukuba uRhulumente anganento ayenzayo ukubahlangula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
24.1 ° C
24.1 °
24.1 °
32 %
4.4kmh
100 %
Mon
26 °
Tue
29 °
Wed
15 °
Thu
19 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks