17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

Ubuchopho bomtwana bebuthe saa emva kokuba egilwe yimoto

Abahlali belali yaseMatatiele balugcwabevu ngumsindo emva kokuba kwenzeke ingozi emasikizi nesube umphefumlo wemveku neneminyaka emihlanu(5) ubudala.

UKhethokuhle Gaga(5) utshayiswe yimoto ebiphaphatheka isuka ngakwicala lasedolophini kuhola wendlela uR56 kude kufuphi naseMatatiele. Umtwana ebekhapha umakhulu wakhe, nochazele onondaba be Informer Digital TV ukuba ebezihambe ekhatshwa ngumzukulwane wakhe ngethuba esiva isithonga emva kwakhe kanti ngumzukulwana wakhe.

“Ndive ngesithonga sisitsho, xa ndijika ndibona umzimba womtwana ubhabha sekuqhawuke nentloko, ubuchopho buthe saa kungekho kwagazi” utshilo umakhulu.

Uthi ubone umbono angasoze awulibale ntoleyo eyenza kubenzima ukulala.

Sithetha nje abahlali balengqingqi badibene namhlanje bezenzela kokwabo izithobisi santya(speed humps) kulendlela ukuthintela iingozi ezinokwenzeka. Bathi uRhulumente makancede asabele kuba abantu bayaphela kulandlela.

UKhethokuhle nobesenza u(Grade R) ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela kuleCawa idlulileleyo umhla we (23 April 2023)

Lala ngoxolo nana.

 

NB: Imoto ekumfanekiso asiyiyo egile umtwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks