16.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

Ntombi ithile yaseBethelsdorp ibulele umtwana(9) wendoda ancuma nayo.

Ligqiyazana elineminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25) ubudala yaseBethesldorp, eseluvalelweni sithethanje ngezityholo zokubulala umtwana wesoka layo oneminyaka elithoba(9) ubudala emva kwemini yayizolo eMaitlands.

Iingxelo esizifumeneyo zityhola ukuba malungs nentsimbi yethoba(09:00), kusasa ngoMvulo, umhla we(28 kweyoKwindla 2022), umrhanelwa nokwasisinqanda mathe sikatata wexhoba, uye wayokulanda umntwana ekhayeni lakhe e-Extension 28 eBethelsdorp ukuze ayokumcheba intloko. Emini, umrhanelwa uye wakhwela isithuthi sikawonke-wonke nomntwana, ogama linguQuinisha Sebrand besiya kulwandle lwaseMaitlands. Kutyholwa ngelithi umntwana uye ke waqubha elwandle kwaye ngaxesha lithile emva kwemini, wakrwitshwa ze washiywa apho.

Malunga nentsimbi yethoba(21:00) ebusuku  umrhanelwa uye kwisikhululo samapolisa esiseSea View ukuya kuxela esi sehlo. Kulapho ke umzimba womntwana ufunyenwe kulwandle lwaseMaitlands ebhubhile.

Lo wasetyhini uvalelwe ejongene netyala lokubulala kwaye ayikaziwa eyona njongo yokubulala umtwana ngokuhlobo.  Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoLwesine umhla wamashumi amathathu ananye kweyoKwindla ngo2022.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
16.2 ° C
16.2 °
16.2 °
74 %
2.3kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
27 °
Sat
28 °
Sun
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks