19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Ingozi esube imiphefumlo emininzi

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe ngamapolisa aseMpuma Koloni, kulandela ingozi yesithuthi sohlobo lweNissan bakkie, nethe yabhukuqa kuba umqhubi wayo ethe waphulukana nolawulo lwaso.

Abantu abahlanu(5) kulengozi baphulukene nobomi babo ngelixa omnye kubo efumene umonzakalo ongephi kuhola wendlela uN2 ngaseBetshwana eMount Ayliff xa usingise eKokstad.

Esi sehlo senzeke izolo umhla we28.03.2022 malunga nentsimbi yesithandathu ekuseni(06H15)

Ngokwengxelo yeSebe leZothutho Isithuthi sohlobo lweNissan NP200 LMV besisuka e-Kokstad sisiya eMt Ayliff sikhwele inani lamadoda amathandathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25) ukuya kumashumi amane ubudala(40).

Kuvalaka ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi sakhe ze sabhukuqa. Isihlanu sonke sabo bebekhwele kwesisithuthi, bonke bengamadoda kuquka nomqhubi babhengezwe njengabaswelekileyo ngabezoncedo lokuqala kwindawo yexhwayelo. Omnye kwesisihlanu uye wasinda kodwa efumene umonzakalo kwaye ubalekiselwe esibhedlele apho afumana unyango khona.

Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko le ndawo isaphandwa ngabasemagunyeni abahlukeneyo kunye neSebe lezoThutho.

Ityala lokubulawa kwabantu ngokungenanjongo lizakuvulelwa eMount Ayliff Saps ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks