15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

OPHUMELELE IMBASA YESIXHOSA YESATMA NGO 2016

UNoluntu Bomela ngu MaRhudulu, uTshangisa, othanda uThixo futhi omthembayo. Umculi weGospel owaziwa ngengoma ethi NDINGUMAMA OYEDWA JWI, OKHULIS’ABANTWANA EYEDWA JWI, SOMANDLA NDINCEDE.

UBomela uphuma kwikhaya elalihlupheka kakhulu, lingenamanzi kunzima kakhulu loonto yamenza ukuba abe ngumntu omdala engumntwana. Uthe xa eneminyaka elishumi elinantandathu (16) waye wenza Album yomculo, ze wathi xa eneminyaka elishumi elinesixhenxe waqalisa ukuhamba ecula eRenkini efakelwa imali esityeni. Zizo ezo Ponti awayeziqokelela afakele umama wakhe ukuba atene athenge nesamente.

Uye waqaphela ukuba baninzi abantwana abatsha abakhulayo abazibona befuna ukwenza umahluko emakhayeni abo qha imisebenzi ayikho, wagqiba kwelokuba enze isiganeko (event) yokubalisela abantu ibali lakhe lokuhlupheka. “mna zange ndisonge zandla ndenza into ngobomi bam, umntu omtsha angaphuma athengise ilekese, afuye, aphinde alime kuba ayikho imisebenzi”. Utsho uNoluntu.

Uqhubeka athi, akukho lula kuba zininzi izinto ebenokuzenza kwesisiganeko qha imali ayizoneli izidingo kodwa ibe intliziyo ilangazelela okukhulu. Abaxhasi akakabafumani kodwa usabhalele kwindawo eziniznzi qha akukho mpendulo, “uThixo engumncedi uzondibeka apho athanda khona”.

UThixo uyaphendula, masihlaleni emthandazweni kuba yena usithembisile ukuba uzoba nathi akwenze konke asithembise kona.

uBomela ungcwabe utata wakhe ngo July kunyaka ophelileyo, owavele wahlatywa ngumakhelwane wakhe ongumama emhlabela iibhokhwe ezitye ikhaphetshu, wamhlaba wasweleka. Umakhelwana lo bagilana naye zonke iintsuku kodwa abavumeli intlungu yokuswelekelwa ibenze batyhafe baqhubeka nemizamo yabo kuba ukhona uThixo othembisileyo. Wonke umntu odibana nobunzima makomelele.
Isiphelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks