Gqeberha ngomhla ka 20 kuTshazimpuzi ka-2023: Ugwetywe iminyaka elishumi elinesibhozo entolongweni, omnye wabatyholwa ababini kwityala lokubulala ilungu leSANDF uPumza Wendy Skade (39) ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMduba 2020.
Ngalo mhla ukhankanyiweyo malunga nentsimbi yeshumi elinambini uNksz Skade owayengekho emsebenzini, wazisa usapho lwakhe ukuba uya eNew Brighton ukuze adibane nesangoma sakhe malunga nemiba yakhe. Yayingesosihlandlo sokuqala uNkosazana Skade edibana nesangoma emzini wakhe kodwa yaba lilo lokugqibela. Kamva, ngaloo mini malunga nentsimbi yesine umzimba wakhe wafunyanwa ku-M17 ematyholweni ngumntu owayebaleka. Ube namanxeba amabini eembumbulu entloko. Ulwazi ludize ukuba uNksz Skade wayekwindlu yesi sangoma phambi kokubhubha kwakhe.
Kuthe xa kusenziwa uphando, ipolisa eliphandayo uD/Sgt Nigel Wright weProvincial Organised Crime Investigation wabamba isangoma uLebohang Lekhooana (39 ) kunye noVusumzi Msi (30) owayehamba naye kwiinyanga ezine emva kwesi sigebenga. Bavele enkundleni ze bakhululwa ngebheyile yeR1000.
Ngomhla we-16 kweyoMqungu ka-2023, bobabini abatyholwa bafunyaniswa benetyala lokubulala, ukuba nemipu ngaphandle kwempepha-mvume nokuba nembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume. Ngomhla wesi-6 kuTshazimpuzi 2023, uLekhooana waye wasweleka ngenxa yezizathu zendalo phambi kokuba kuwiswe isigwebo.
NgoLwesithathu, umhla we-19 kuTshazimpuzi ka-2023, umtyholwa uVusumzi Msi ugwetywe iminyaka elishumi elinesibhozo entolongweni ngokubulala, iminyaka emi-5 ngokuba nompu ongekho semthethweni kunye neminyaka emibini ngokufunyanwa nembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume. Izigwebo ezinxulumene nompu ziyakuqhuba kunye nesigwebo sokubulala. Isizathu sokubulawa kwakhe siseyimfihlakalo njengoko bobabini abatyholwa bekhanyele ukuba bayabandakanyeka ekubulaweni kwakhe.
Umkomishinala weSithili oBambeleyo eNelson Mandela Bay, uBrigadiya uRonald Koll usamkele isigwebo kwaye waqhwabela izandla uphando olubalaseleyo olwenziwe nguD/Sgt Wright. ‘Olu phando lwalufuna izakhono ezichanekileyo zophando kunye nobuchule ukuze kuqinisekiswe ukubanjwa ngempumelelo. Isigwebo eside ngumzekelo kwabanye abasebenzisa ithuba labantu abamsulwa nabangenangqondo ababeka ithemba labo nekamva labo ezandleni zamaxhwele,’ wongeze watsho uBrig Koll.
Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 3628726