Akumnandanga, kukrakra yonke into kusapho lakwaNtlontlo eNgqushwa emva kokuba umkhwenyana wabo exhaxhe ebulala umkakhe ze wonzakalisa kakhulu umamazala wakhe.
Esisihelegu senzeke ngeCawa umhla we(6 March 2022) malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku. Ngokwengxelo esiyifumene kusapho lakwaNtlontlo, umkhwenyana utsho ngonkqonkqozo olumandla enyanzelisa ukuthetha nenkosikazi yakhe ebikokwayo ngelothuba. Lenkosikazi ibikunye nomama wayo, udade wayo omncinci kunye nonyana wabo ominyaka esibhozo(8) ubudala.
Emva kokuba unina nentombi yakhe bengavumanga ukuvula ucango kuba bemazi ukuba umyeni unobundlobongela kwaye endlongo-ndlongo, kutyholwa ngelithi umyeni uye wakhaba ucango lwavuleka wangena ngaphakathi , ze ngoko nangoko wanda ukuhlasela umfazi wakhe oneminyaka engamashumi amathathu(30) ubudala. Umxabele ngocelemba emzimbeni ngasentla kwakunye nezandla de sabe esinye siyaqhawuka.
Umfi wandule nokuhlasela umamazala wakhe kuba ebezama ukunqanda de wamonzakalisa kakhulu ezandleni nasemzimbeni. Ngethamsanqa udade wexhoba uye waphuma ngefestile eyokucela uncedo komakhelwane logama indoda ibisandula ukuxhaxha umkayo ngocelemba imrhuqa ngobusuku esiya ngasendle emathafeni apho ambulalele khona.
Amapolisa abizwe ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo aze afika ngaphandle kokulibazisa kodwa akamfumana lomntu wenze ukuhlasela olusapho lakwaNtlontlo.
Ngentseni yangoMvulo umhla we-07 kweyoKwindla 2022 umzimba kaNkosazana Nosikhumbuzo Mazana-Ntlontlo uye wafunyanwa ulahlwe ematyholweni unamanxeba okuxhaxhwa umzimba wonke, ukhakhayi lucandeke kubini(2) kwaye kurhaneleka ukuba udlwengulo nalo luye lwenzeka.
Abantu bekunye namaPolisa baqhubekile nokugqogqa umyeni walenkosikazi nethe yafunyanwa kowayo kwilali yaseMabaleni engekude kuyaphi nelali yaku Gwalana apho kwenzeke isiganeko khona.
Uhlaselo luka Nosikhumbuzo Mazana-Ntlontlo lwenzeke phambi konyana wakhe oneminyaka esi-8 ubudala ofunda iBanga lesi-2 kwisikolo samabanga aphantsi sasekuhlaleni kwaye igqiza loNontlalontle abaphuma kwa ECDSD Peddie Service Office lihlanganisa igqiza elizakujongana nesisithwakumbe.
Umrhanelwa efunyenwe ebhubhile emva kokuba ezibulele kwikhaya lakhe, ntoleyo ekhokela ekubeni zingafumaneki iimpendulo ezifunwa ngabantu boMzantsi Afrika.
Wanga uMphefumlo ka Nkosazana Nosikhumbuzo ungaphumla ngoxolo.