15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ubanjiwe orhanelwa ngokudlwengula eLusikisiki

Umrhanelwa wodlwengulo oneminyaka engamashumi amabini anesithoba useluvalelweni emva kokudlwengula inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ngoMgqibelo wamashumi amabini kuCanzibe kwingingqi yaseNtlavukazi iLambasi A/A.

Ixhoba lityhola ngelithi lalikwindlu yalo ngethuba limenywa yindoda eyaziwayo ukuba lihambe nalo ukuya kusela utywala kwindawo yentselo yasekuhlaleni. Ngethuba esendleleni, umrhanelwa wenza ngathi ulibele kukutshixa igumbi lakhe, wacela ixhoba ukuba liphindele naye, lavuma.

Uthe xa ebonisa ukuba uzakumlinda esangweni, wambamba wamtsalela egumbini lakhe apho wadlwengulwa khona.

Uye wabanjwa wavela kwinkundla kamantyi eLusikisiki namhlanje, amashumi amabini anesibini kuCanzibe 2023 ngetyala lokudlwengula.

Imibuzo: Sajini Matola-Mvanyashe
073 788 1131

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks