Iphulo lobuntlola elathatha iintsuku ezimbini libambe abantu abasixhenxe (07) abarhanelwa ukuba bangabazingeli bemikhombe ngokungekho mthethweni, laphinda lathimba izixhobo zokuqhekeza izindlu ezixabisa ikhulu lamawaka (R100 000) kwizithili ezibini ngempelaveki.
Ngokweenkcukacha, abarhanelwa abahlanu ekukholelwa ukuba bebehamba ngeHyundai I 10 esilivere bejolise kwinqaba yebhetri yeselula kwindawo yaseTarkastad. NgoMgqibelo emva kwemini, umhla wamashumi enesibini kuCanzibe 2023, ulwazi luye lwasebenza kwaye isithuthi esihambelana nenkcazelo sabonwa sihamba kwindlela u-R61 esingisa eTarkastad kwaye malunga neekhilomitha ezingamashumi anesibini ngaphandle kwaseKomani. Imoto ibinabantu abahlanu, yaza yakhutshwa endleleni. Amapolisa aye abuza aba bahlanu ababehleli apho kwaye acela ukusetshwa.
Amapolisa athimba izixhobo zokuqhekeza izindlu ezixabisa malunga nekhulu lamawaka (R100 000). Uphando lokuqala ludize ukuba omnye wabo bakhweleyo ufunwa ngesehlo sokubulawa kwemikhombe eNtshona Koloni. La madoda mahlanu abanjwa aza avalelwa.
Igqiza eliquka amapolisa akhethekileyo asebenza ubusuku nemini, kwaye uphando lwabo lubakhokelele kumzi othile eMthatha ngentsasa yangeCawe yamashumi amabini ananye kuCanzibe 2023, apho abarhanelwa ababini abaqhwesha kwiziko loLuleko eMakhanda kunyaka ophelileyo bafunyanwa khona. ukubanjwa kwakhona. Bebonke abarhanelwa abasixhenxe babanjwe ngethuba lolo phulo.
Abanye baba barhanelwa bayayanyaniswa nokuba kumatyala amahlanu okubulawa kwemikhombe eMpuma Koloni. Bazakuvela enkundleni ngoLwesibini, amashumi amabini anesithathu kuCanzibe 2023.
UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uncome igqiza ngemigudu yalo engadinwayo, ekhokelele kwimpumelelo elolu hlobo. Ndiyathemba ukuba oku kubanjwa kuza kwehlisa izinga lokubulawa kwemikhombe kweli phondo,” wongeze watsho uLt General Mene.
Imibuzo: UWarrant Officer Majola Nkohli
ISeli: 082 779 7279

