UNtobeko Nkume yinzalelwane yase Ngqushwa, umlawuli nomseki we NTONTO EVENTS oneminyaka engama-34 olitshantliziyo kwizinto ezijongene nolutsha nabantwana.
Ekuboneni izinga elinyukileyo lolwaphulo mthetho nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi nokunqongophala kwezemidlalo uye waabona kufanelekile kubekho lomsitho wokubonisa ulutsha ukuba lunakho ukungazixakekisi ngeziyobisi, zikhona izinto zokwenza ezifana nemidlalo nenkcubeko.Ingeniso mali yalo msitho iyakuya kwi charity ukuncedisana nezidingo zayo ukuze baqhubeke begcina abantwana kwi Peddie Family Resource centre.
Imiceli mngeni enayo iNTONTO EVENTS ayinangeniso inayo ngoko akho mali ikhoyo engxoweni isaxhomekeke ekuceleni amalizo (Donations) ukuze iqhubele phambili nemibono.Kananjalo bakho abo bagibisela amatye nezigxeko bengayiqondanga ukuba zithini iinjongo zalombono, bambi bathi sikopa into yabantu bambi bathi sifuna nje imali zabo. Zizinto igilana nazo iNtonto events.
“Eneneni bekunzima kwicala labaxhasi esiba bhaleleyo sincela inkxaso batshone nomcinga de sakhala kubantu abasondeleyo nabangabaxhasi bombono basondela basincedisa ekukhawlelaneni nalomsitho, Siyabulela kwabobantu kakhuulu bawenze lula lomsebenzi” utsho uNobeko.
Uqhubeke wathi ubona iNtonto events ekhulileyo, elikhaya lokunceda abadinga uncedo kuba eyona njongo kukusiphula nengcambu ubundlonongela nolwaphulo mthetho,uzibona enemisitho emikhulu exhaswayo ukuze ulutsha luthanthe inxaxheba kuyo.
“Mandithathe elithuba lokubulela elijelo EC Indaba ngethuba lokuziveza ekwangabanye babaxhasi Balomsitho ndibulele kubaxhasi bonke abafana noo Sivuyile Ngcolomba we Peddie Boxing Club, Linda Saliwa we Xaba Boxing Promotions, Luyanda Moyeni we LM events, Sis Pinky Tsako Foundation nabanye abasezayo ekuxhaseni”.
Ukhuthaze uluntu kwakunye nomntu omtsha ngelithi “iphupha lakho lilandelele nokuba kukho abanye abangaliboniyo qina isibindi ngoku ungenayo nepeni, unkqonkqoze kwiminyango hayi yonke uzovulelwa kodwa kukho lo uThixo akusa kuye ufike kukho umntu ozokuthakazelela””. Suvuma ukutyafiswa ngabantu abagalela amanzi umbono.Ulutsha maluncedisane ukwenza amaphulo azoluxakekisa ukuze luheshe iziyobisi nobundlobongela.