UMbuso ufuna ingcaciso malunga nokukhululwa kukaOmotoso.

UMbuso ophulukene netyala lokudlwengula nokurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni elijongene noMfundisi waseNigeria uTimothy Omotoso kunye nabo atyholwa nabo, uqale inqanaba lokuqala lesibheno esichasene nokukhululwa kwakhe kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, ngoMvulo, umhla, weshumi elinesine.

UOmotoso, oneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe (67), Zukiswa Sitho oneminyaka engamashumi amane anesibini (42), noLusanda Sulani oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35), bakhululwa kumatyala angaphaya kwamashumi amathathu (30) aquka ukudlwengula, ukurhweba ngabantu, ukuxhaphaza ngokwesondo, nokuthengisa ngobuqhophololo.

Ngenyanga kaTshazimpuzi, uOmotoso waphuma enkundleni eyindoda ekhululekileyo, emva kokuchitha iminyaka esixhenxe eluvalelweni elindele ukuqukunjelwa kwetyala lakhe.

Ukumfumanisa engenatyala nguJaji IrmaSchoeman kuye kwabangela ukuba uMbuso afake isibheno ngokuchasene nesigwebo.

NgoMvulo, ecaphula amatyala ohlukeneyo, uMbuso ucele ukuba uSchoeman anike ingcaciso yeziphumo eziyinyani ezisekelwe kubungqina obunikwe inkundla ngexesha lokuchotshelwa kwetyala.

U-Advocate Apla Bodlani SC uvakalise ukuba ngokomthetho wetyala awathi wawubeka phambi kwenkundla ukuze uthintelwe kwimibuzo yomthetho, umiselwe ngokuqinileyo kumthetho wolwaphulo-mthetho.

Uthe iziphumo eziyinyani, xa zingacacanga kwisigwebo, kufuneka zisekwe phambi kokuba urhulumente acele inkundla yamatyala ukuba iqulunqe imibuzo yomthetho.

“Xa uMbuso unenjongo yokufaka isicelo sokugcinelwa imibuzo yomthetho, kufuneka ubonise ngokufanelekileyo amabakala apho iingongoma zomthetho kuthiwa zixhomekeke kuzo.

“Ayingomsebenzi woMbuso ukushwankathela ubungqina bamangqina ngaphandle kokuhlalutya inyani.

“Ukuba siyasilela ukumisela iziphumo eziyinyani zenkundla apho umbuzo ogciniweyo kufuneka uqwalaselwe, ke isicelo sokugcinelwa imibuzo yomthetho sibi,” utshilo kwiintloko zengxoxo yakhe.

U-Peter Daubermann, owaqinisekisa ukuba aba bathathu bakhululwa bengenatyala waxoxa ukuba uMbuso awuzange ulandele nayiphi na inkqubo eyaziwayo yokucela umngeni kwabo bangenatyala.

Uhambise ngelithi isicelo sabo masichithwe ngenxa yokungabi nagunya nokusilela ukuthobela imiqathango yomthetho iCriminal Procedure Act (CPA) kunye nemithetho-siseko yokuqukumbela nobulungisa.

Ngokuka-Daubermann, ekuphela kwendlela yomthetho ekhoyo kuMbuso ukuba aphinde ajonge isigwebo licandelo 319 le-CPA, elivumela ukugcinwa komcimbi womthetho ngemvume yenkundla yamatyala.

Wongeze ukuba le nkqubo ayizange isetyenziswe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA