15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

UMBUTHO OBIZWA NGE SMALL PROJECT FOUNDATION UVUSELELE IKAMVA LABANTWANA ABANGATHATHI NTWENI

Namhlanje uMbutho obizwa nge Small project foundation ozinze kwindlela iSt James eMonti, wenze iphulo lokunikezela ngee Vouchers zeUniform nee food parcels kubantwana abayi 311 nababeyeke ukufunda kwizikolo ezahlukeneyo zase Molteno naseSterkstroom.

Lo Mbutho uncede aba bafundi ukuba babuyele eSkolweni, nanjengoko abanye babo bayeka ngenxa yokusebenzisa iziyobisi, abanye bakhulelwa nokungabikho nto isiwa phantsi kwe mpumlo emakhayeni wabo.

Kukho abantwana abancinci abangazange baya eSkolweni ngenxa yokuba bebengenawo amaphepha wokuzalwa. I small project foundation isebenzisana nabantu abatsha abaphuma kwi Social Employment Fund ababizwa ngokuba zii Ambassadors, ngabo abangena indlu nendlu ukuqinisekisa ukuba akukho bantwana abangayiyo eSkolweni. Lo Mbutho uneminyaka engamashumi mathathu anesihlanu ukhona kwaye uqhuba, nengqonyela yawo u Mnumzana uPaul Benjamin Cromhout.

Ongu mzali uye waphefumla esithi kweli phulo bayavuya kakhulu ukufumana ii Vouchers zempahla zesikolo nokutya kwi Small project foundation ngoba imali abayifumana ku Rhulumente ayizonezi izidingo zabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks