Ulaliswe esibhedlele umfundi owenza iBanga le-12 wesikolo iByletts Combined eMooiplaas eMpuma Koloni emva kokudutyulwa ngamapolisa ngethuba bengquzulana kwihostela yabo yesikolo ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Lo mfundi, wonzakele esandleni, kulindeleke ukuba ayokwenza uqhaqho kwisibhedlele saseMonti. Ukonzakala kwakhe kuye kwabangela ukuba iminwe yakhe ingasebenzi.
Ingxwabangxwaba iqale ngexesha lenkampu yeemviwo xa abafundi babedibene kwibala lebhola yomnyazi kunye nehostele yamakhwenkwe. Iingxelo zithi, kuxelelwe ilungu leSchool Governing Body (SGB) ukuba abafundi benza ingxolo, bephazamisa abanye abebelungiselela iimviwo. Lathi lakufika ilungu leSGB kweso siza, abafundi bebona imoto yalo bakhawuleza babalekela emagumbini abo, apho baqalisa ukucula Amagwijo (iingoma zesintu). Ilungu le-SGB, liziva lisoyika, lahamba layo kuxela kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni ngesi siganeko, libanga ukuba abafundi bamphethe kakubi kwaye bamgrogrisile.
Emva kwale ngxelo, amapolisa athunyelwa esikolweni. AmaNgqina atyhola ngelithi ekufikeni kwabo, elinye ipolisa lasebenzisa isjambok ukubetha kubafundi, nto leyo eye yaqatsela yabangela abafundi baziphindezela ngokugibisela ngamatye kulamagosa.
Amapolisa emva koko abhenela ekusebenziseni iimbumbulu ukuchithachitha le ngxwabangxwaba. Ngethuba longquzulwano, umfundi oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala weBanga le-12 uye wonzakala kanobom esandleni.
Lo mfundi ngoku woyikela ikamva lakhe nanjengoko oogqirha besithi xa utyando kunokwenzeka lungabiyimpumelelo, bangabhenela ekusinqumleni isandla sakhe unomphelo. Ukwanexhala ngobomi bakhe bezemfundo kuba sele ephose iimviwo ezimbini eziphambili.
Uyise womfundi owenzakeleyo uvakalise ukunxunguphala nokuxhalaba kwakhe malunga nefuthe kwikamva lonyana wakhe, egxininisa ukubaluleka konyaka webanga leshumi.
“Umntwana wam ukwibanga lematriki, elona bakala libalulekileyo kwiminyaka yakho yamabanga aphakamileyo kwaye babhala iimviwo zabo zokuphela konyaka. Sithetha nje, ngenxa yesi siganeko, uphose iimviwo ezimbini ezibalulekileyo, enye yazo liPhepha lesibini leMathematika,” utshilo.
Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Kapa, uMnumzana Mali Mtima, usivumile esi sehlo, egxeka indlela yokuziphatha yabafundi enika neenkcukacha zempendulo yesebe.
“Ewe, siyayazi imeko yaseByletts Combined High School, kwaye siyayigxeka indlela abafundi abaye baziphatha ngayo ngaku magosa esipolisa. Sidibene nootitshala, abazali kunye nabafundi ngoMgqibelo wesibini (02) kweyeNkanga 2024, kwaye iingcebiso zesebe yayikukuba abazali babizwe ukuba baye kulanda abantwana babo abangamakhwenkwe bababuyisele ngentsuku zokubhala iimviwo kuba bayaphazamisa. Kwacelwa iSGB ukuba iqinise ukhuseleko ukukhusela amantombazana nabanye abafundi, kwabanjwa intlanganiso noCeba weWadi ngenkxaso noncedo,” utshilo uMnu Mtima.
Othethe egameni leSAPS eMpuma Koloni uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, ungqinile ukuba amapolisa ayasazi esi sehlo kwaye aqalise nophando.
“I-SAPS ingangqina ukuba ngoLwesihlanu, umhla wokuqala (01) kweyeNkanga 2024, babizelwa eByletts Combined School eMooiplaas ukuba baye kujongana nesikhalazo sobundlobongela esikolweni. Kwindawo yexhwayelo, amapolisa aye agagana neqela labafundi, elithe lenza ingxwabangxwaba, kodwa bakwazi ukuzinzisa imeko. Amapolisa anolwazi ngalo mfundi, othe wasiwa esibhedlele kulandela isidubedube esityholwa kwesi sikolo. Amapolisa athethile noyise, kwaye xa ephuma nje esibhedlele, ingxelo iza kuthathwa, kuqhutyekwe nophando,” utshilo.
Esi siganeko sibangele iingxoxo ngokhuseleko lwabafundi, ukuziphatha kakuhle esikolweni, kunye nokungenelela kwamapolisa kwiindawo zemfundo, nto leyo ephakamisa imibuzo ebanzi njengoko uphando luqhubeka.



