Isebe lezothutho eMpuma Koloni likugxekile ukuvalwa kwendlela uN2 phakathi kweDutywa neGcuwa eMpuma Koloni kutyholwa ngoqhankqalazo olunomsindo.
Izithuthi ziye zema ngokupheleleyo kule ndlela.
Abaqhankqalazi kukholeleka ukuba basebenzise isigadla ukuvala imigca yomibini yale ndlela, beshiya abasebenzi kunye nabafundi bengcungcutheka lo gama imithwalo ixinge endleleni.
Isithethi sesebe lezothutho ephondweni u-Unathi Binqose uthi unobangela wolu qhankqalazo awukaziwa okwangoku kodwa abomthetho baye kwindawo yexhwayelo ukuzama ukubamba ucwangco.
UBinqose ubongoze abaqhubi beemoto ukuba basebenzise ezinye iindlela.
“Amagosa ogcino-mthetho aphantsi ezama ukuba indlela iphinde ivulwe kwaye izithuthi ziphinde zihambe. Umphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha uzigxekile izenzo zabaqhankqalazi, esithi nangona zisemthethweni izikhalazo zabo, izenzo zabo zibonakalise ukungakhathaleli inyambalala yabantu bethu abazifumana bevaleleke endleleni kwaye eso senzo asisayi kunyanyezelwa.”