Kwinzame zamalungu esiPolisa zokuthintela ubukrulemnqa zibuye neziphumo ezintle kwiSithili saseChris Hani ngexesha besenza ugqogqo lwe-“Operation Shanela” ngokuhlwa kwayizolo umhla wamashumi amabini ananye kweyeSilimela 2024.
La malungu esiPolisa asebenza kwizikhululo ezikwiSithili saseChris Hani adlala indima ebonakalayo kwipulo lokulwa ubukrelemnqa kwindawo ababekwe kuzo ngokuthi benze umsebenzi wokusetsha iimoto, ukubonakala kwesipolisa kwindawo ezaziwa nje ngezokuxhwila iimoto kunye nokuphumelela ekubambeni abarhanelwa abangaphezulu kweshumi elinesihlanu abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu (30) kunye namashumi amane anesibhozo (48) ubudala.
Ngexesha besenza umsebenzi wabo wokusetsha iimoto bekwajonge nokuthotyelwa komthetho kwiindawo ezithangisa utywala, babambe abarhanelwa aba bandakanyeka kubukrelemnqa bokuthengisa iziyobisi, ukuba nemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu, ukuba nemipu yeepelethi emibini, ukuthengisa utywala ngaphandle kwemvume nokunyanwa komntu eneziyobisi.
Amapolisa edibene namagosa ezendlela enze nogqogqo lweemoto kwingingqi yase-Indwe apho bekunikwa abantu amatikiti afikelele kwixabiso lamawaka amabini (R2 000) ngezizathu zokwaphula umthetho wasezindleleni.
Izixhobo eziyingozi zohluthiwe ebudeni bephulo lokuthintela naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho. Aba barhanelwa balindeleke ukuba bavele kwiinkundla zikaMantyi ezohlukeneyo ngoMvulo, 24/06.
UMkomishinala weSithili saseChris Hani uMajor General Rudolph Adolph wenze umbulelo ongazenzisiyo kuwo onke amajoni ahamba ngeenyawo asezantsi ngokuqinisekisa ukuba uluntu lwethu luziva lukhuselekile.