UNqatha uncome amanina angamagosa ezendlela ngokwenza umsebenzi wawo

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha uwancomile amagosa endlela angamakhosikazi ephondweni ngokuqhuba ngempumelelo amaphulo okhuseleko ezindleleni kwimpelaveki ende. La maphulo ebeyinxalenye yemibhiyozo yeNyanga yamanina.

Kweliphulo zizithuthi ezingamawaka amane namakhulu alithoba anamashumi asibhozo anesibini (4,982) zizonke ezithe zamiswa zaza zajongwa.

Ukanti kolutyando kukhutshwe amaxwebhu angamakhulu amabini anamashumi amathandathu anesihlanu (265) okubizelwa enkundleni kwabaqhubi, amashumi amathandathu anesithandathi (66) esohlwayo esingekahlawulwa, ngamashumi amabini anesine (24) abantu ababanjwe bezintyintye ngebhelu lomsele, logama
Ingabaphambukeli abangekho mthethweni abamgamashumi amane anesibhozo (48) ababanjiweyo phakathi kwezinye zezinto.

Kusenjalo kumashumi amabini anesine (24) ababanjwe eqhuba benxilile, ishumi elinesithoba (19) lithe labanjwa kwisithili saseAmathole. UMphathiswa uNqatha ubancomile aba basetyhini ngokukhokela nokubhalisa amanqaku abo kulo msebenzi awubiza ngokuba ulawulwa ngamadoda.

UMphathiswa uNqatha uthe: “Ndikhuthazwa kakhulu ngumoya wentsebenziswano phakathi kwabo wokuba baxhasane njengabasetyhini kwaye bazingca ngomsebenzi wabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA