Umphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu kuZwelonke uNks Lindiwe Zulu ekunye Nks Siphokazi Lusithi naye onguMphathiswa kwiSebe loPhulosho loLuntu eMpuma Koloni, uSodolophu Princess Faku, izolo bebekutyelelo eMdantsane kwakunye naseDuncan Village.
Injongo yolutyelelo ibikukukujonga nokuhlola umonakalo owenziwe zizantyalantyala zemvula ebigqugqisa kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, ishiya ininzi lungenamakhaya kambe abanye bephulukene namalungu osapho athe abhubha kulentleke.
Sithetha nje sele bebalelwa kwishumi lonke ngoku abantu abathe babhubha kwintlekele ezinxulumene nezizantyalantyala zemvula kweliphondo laseMpuma Koloni ngokubanzi. Umphathiswa uLindiwe Zulu kunye nesigqeba sakhe bebengena umzi nomzi ukunika imbeko namazwi ovelwano kwabo bathe bahlelwa lilifu elimnyama ngenxa yalemvula. Oku bakuqale eMdantsane de kwayokufikelelwa Duncan Village apho bekukho usapho nalo olubhujelweyo yintombi yabo eselula nethe yabhubha kabuhlungu kwesisehlo.
Ukanti ngethuba uMphathiswa ebeka amazwi ovelwano kokusapho oluseDuncan Village, uthembise ngelithi benguRhulumente bazakumenza unako nako ukukhawulelana noluntu oluhlala kwindawo ezakhelwe kwimihlaba engekho semgangathweni ngokubasusa kwiindawo ezinje basiwe kwiindawo ezingcono.
Ukwathe elilishwa ladalwa kakhulu nguRhulumente wobandlululo owayebeka abantu bakuthi kwiindawo ezikude ezingekho mgangathweni logama bona belungu behlala kwiindawo eziphucukileyo.
Abo bebetyelelwa nguMphathiswa babenalo nethamsanqa lokufumana ipakethi yezinto ezisiwa phantsi kwempumlo ze emva koko bathenjiswa ukingcwatyelwa abantu babo nguRhulumente.




